OOKUMKANI II 6:17 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo
OOKUMKANI II 6:17 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathandaza uElisha, wathi, Yehova, khawuwavule amehlo akhe, abone. UYehova wawavula amehlo omfana lowo, wabona, nantso intaba izele ngamahashe neenqwelo zokulwa zomlilo, zimjikelezile uElisha.
OOKUMKANI II 6:17 XHO96 (IBHAYIBHILE)
UElisha wathandaza wathi: “Ndikhoyo, khawuwavule amehlo akhe, ukuze abone.” UNdikhoyo ke wawavula amehlo esicaka eso, saza sathi sakukhangela sabona intaba inyakazela ngamahashe neenqwelo zomlilo, ziphahle uElisha.
OOKUMKANI II 6:17 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza watandaza u‐Elisha, wati: YEHOVA! zugabule amehlo ake, ukuze abone. Wandula UYEHOVA wagabula amehlo omfana lowo, wada wabona; kekaloku, bona ke, intaba ibizele ngamahashe nenqwelwana zomlilo zimgqonga u‐Elisha.
OOKUMKANI II 6:17 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)
Wathandaza uElisha, wathi, Yehova, vula amehlo akhe, abone. uYehova wawavula amehlo omfana; wakhangela, nantso intaba izele ngamahashe neenqwelo zokulwa zomlilo, zimlindile uElisha phakathi.