Uphawu lwe App yeBhayibhile
Khetha Uphawu

USAMUWELI II 3:18 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo

USAMUWELI II 3:18 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

yenzani kaloku, ngokuba uYehova utshilo kuDavide, ukuthi, Ndiya kubasindisa ngesandla sikaDavide, umkhonzi wam, abantu bam amaSirayeli esandleni samaFilisti, nasesandleni seentshaba zabo zonke.

USAMUWELI II 3:18 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Nali ke ngoku elo thuba. Ze nikhumbule ukuba nguNdikhoyo owathi kuDavide: ‘Sisicaka sam uDavide endiya kukhulula abantu bam amaSirayeli ngaso kumaFilistiya nakuzo zonke iintshaba zabo.’ ”

USAMUWELI II 3:18 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

ngako kaloku yenzani; ngokuba UYEHOVA etetile ngo‐Davide, esiti: Ngesandla sika‐Davide isicaka sam ndiya kusindisa abantu bam o‐Sirayeli esandleni sama‐Filistiya, nasesandleni sentshaba zabo zonke.

USAMUWELI II 3:18 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Yenza ngoku, ngenxa yokuba uYehova wathetha ngoDavide esithi: “Ngesandla sikaDavide umkhonzi wam ndiya kubahlangula abantu bam amaSirayeli esandleni samaFilisti nasesandleni seentshaba zabo zonke.