Uphawu lwe App yeBhayibhile
Khetha Uphawu

USAMUWELI II 5:19 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo

USAMUWELI II 5:19 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Wabuza uDavide kuYehova, wathi, Ndinyùke na, ndiye kumaFilisti? Wòwanikela na esandleni sam? Wathi uYehova kuDavide, Nyuka; ngokuba ndiwanikele mpela amaFilisti esandleni sakho.

USAMUWELI II 5:19 XHO96 (IBHAYIBHILE)

waza uDavide wabuzisa *kuNdikhoyo wathi: “Kufuneka ndiwahlasele na amaFilistiya? Ngaba uza kuwanikela esandleni sam na?” UNdikhoyo wathi kuDavide: “Ewe, wahlasele; inene, ndowanikela esandleni sakho amaFilistiya.”

USAMUWELI II 5:19 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Waza u‐Davide wabuza KUYEHOVA, esiti: Ndiya kunyuka na ngakuwo ama‐Filistiya? wowanikela esandleni sam na? Wayesiti UYEHOVA ku‐Davide: Nyuka; ngokuba ngenyaniso ndiya kunikela ama‐Filistiya esandleni sako.

USAMUWELI II 5:19 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Wabuza uDavide kuYehova, esithi, Ndihambe ndiye na kumaFilisti? Ngaba uya kuwanikela esandleni sam? Wathi uYehova kuDavide, Yima, ngokuba ndiya kuwanikela okunene amaFilisti esandleni sakho.