IDUTERONOMI 5:9-10
IDUTERONOMI 5:9-10 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Uze ungazinquli ezo nto, uze ungazikhonzi; kuba mna Yehova, Thixo wakho, ndinguThixo onekhwele, ndibuvelela ubugwenxa booyise koonyana nakwesesithathu nakwesesiné isizukulwana sabandithiyileyo; ndiwénzela inceba amawaka abandithandayo, abayigcinayo imithetho yam.
IDUTERONOMI 5:9-10 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ungaze ukhahlele unqule umfanekiso oqingqiweyo; kuba mna Ndikhoyo Thixo wakho ndinguThixo onekhwele. Ndiyabohlwaya abandithiyileyo; ewe, ndohlwaya ooyise ndide ndiye kuqhina kwesesithathu nakwesesine isizukulwana sabo. Kodwa ke ndiphuphuma izibele kumawaka-waka abo bandithandayo beyithobela imiyalelo yam.
IDUTERONOMI 5:9-10 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Uze ungaqubudi kwezo nto, ungazikhonzi; kuba mna Yehova, Thixo wakho, ndinguThixo onekhwele, ubuvelela ubugwenxa booyise koonyana, kwesesithathu nakwesesine isizukulwana sabandithiyileyo; Ndibabale amawaka abandithandayo, abayigcinayo imithetho yam.
IDUTERONOMI 5:9-10 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
akuyi kutoba pambi kwazo; akuyi kuzikonza kanjalo: ngokuba mna YEHOVA, UTIXO wako, ndi NGUTIXO onekwele, ndiyohlwayela inkohlakalo yoyise pezu kwabantwana, napezu kwesesitatu napezu kwesesine isizukulwana sabanditiyayo; ndiwenzela ububele amawaka abanditandayo nabayigcinayo imiyalelo yam.