IDUTERONOMI 6:1-2
IDUTERONOMI 6:1-2 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Nguwo lo umthetho, imimiselo ke kwanamasiko, awaniwiselayo uYehova uThixo wenu, ukuba niwufundiswe, niwenze ezweni elo niwelela kulo ukuba nilimé; ukuze umoyike uYehova uThixo wakho, uyigcine yonke imimiselo yakhe nemithetho yakhe endikuwiselayo, wena nonyana wakho, nonyana wonyana wakho, yonke imihla yobomi bakho, ukuze yolulwe imihla yakho.
IDUTERONOMI 6:1-2 IBHAYIBHILE (XHO96)
“Nanku ke umyalelo, imigaqo, nemimiselo endithunywe *nguNdikhoyo uThixo wenu ukuba ndinifundise yona. Ngoko ke ze niyithobele nakufika kwelo lizwe niya kulo. Ngalo lonke ithuba lobomi bakho, wena nezizukulwana zakho, kufuneka nimhlonele uNdikhoyo uThixo wakho, uyithobele imithetho nemiyalelo yakhe endikunike yona, khon' ukuze ube nokuxhamla ubomi obude.
IDUTERONOMI 6:1-2 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Yiyo le imimiselo, nemiyalelo, nomthetho, aniwisele umthetho ngawo uYehova uThixo wenu, ukuba niwufundise, ukuba niwenze ezweni elo uya kulihlutha; ukuze umoyike uYehova uThixo wakho, uyigcine yonke imiyalelo yakhe nemithetho yakhe endikuwiselayo, wena nonyana wakho, nonyana wonyana wakho, yonke imihla yobomi bakho; ukuze yolulwe imihla yakho.
IDUTERONOMI 6:1-2 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
KEKALOKU yiyo le imiyalelo, nemimiselo, nemigwebo, owabeyalela UYEHOVA, UTIXO wenu, ukuba niyifundiswe; ukuba niyenze elizweni apo niya kuwelela kona ukulifuya: ukuze umoyike UYEHOVA, UTIXO wako, uyigcine yonke imimiselo yake nemiyalelo yake endikuyalelayo, wena, nomntwana wako, nomntwana womntwana wako, yonke imihla yokudla kwako ubomi; nokuze yolulwe imihla yako.