KWABASE-EFESE 2:8-10
KWABASE-EFESE 2:8-10 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kuba nisindiswe ngokubabalwa nangalo ukholo; nako oko kungaphumi kuni, kusisipho sikaThixo; akuphumi misebenzini, hleze kubekho bani uqhayisayo. Kuba thina singumsebenzi wakhe, sídalelwe kuKristu Yesu, ukuze senze imisebenzi elungileyo, awayilungisayo uThixo ngenxa engaphambili, ukuze sihambe kuyo.
KWABASE-EFESE 2:8-10 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ke kaloku nakhululwa ngesisa sikaThixo ngokholo; anikhululwanga ngemizamo yenu. Ewe, kungenxa yesisa sikaThixo. Ngoko ke akukho nto ubani angaziqhayisa ngayo, kungekho migudu yakhe nje. Singumsebenzi wezandla zikaThixo ke thina. Kaloku simanywe noYesu Krestu nje, uThixo wasidalela ukuba sizinikele ekwenzeni imisebenzi emihle awasimisela yona kwangaphambili.
KWABASE-EFESE 2:8-10 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kuba nisindiswe ngokubabalwa nangalo ukholo; nako oko akuphumi kuni, kusisipho sikaThixo; Akuphumi misebenzini, hleze kubekho bani uqhayisayo. Kuba thina singumsebenzi wakhe kuKristu Yesu, sidalelwe imisebenzi emihle, awayilungisayo uThixo ngenxa engaphambili, ukuze sihambe kuyo.
KWABASE-EFESE 2:8-10 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ngokuba nisindiswe lufefe ngalo ukolo; kungaveli nje oku ngokwenu, kusisipo SIKATIXO; kungengemisebenzi, ukuze kungaqa̔yiswa mntu: ngokuba sisisenzwa sake, sidalelwe imisebenzi elungileyo ku‐Kristu Yesu, eyabilungiselelwa pambili NGUTIXO, ukuze sihambe kuyo.