UHEZEKILE 2:5 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo

UHEZEKILE 2:5 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Ke bona (nokuba bathe beva, nokuba bathe bála, kuba beyindlu eneenkani) baya kwazi ukuba bekukho umprofeti phakathi kwabo.

UHEZEKILE 2:5 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Ewe, uze utsho nokuba bayaphulaphula, okanye abaphulaphuli. Kaloku bayadelela. Kambe ke baya kuqonda ukuba kufike *umshumayeli phakathi kwabo.

UHEZEKILE 2:5 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Nabo bona, nokuba baya kuva, nokuba baya kuyeka, (ngokuba beyindlu enenkani,) baya kukwazi noko ukuba umprofite ebepakati kwabo.

UHEZEKILE 2:5 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Yaye bona, ukuba bafuna ukuva okanye abayeke baqhubeke (kuba yindlu yemvukelo), baya kwazi ukuba bekukho umprofeti phakathi kwabo.