UHEZEKILE 22:30 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo

UHEZEKILE 22:30 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Ndafuna kubo indoda engaba luthango phakathi, ime ethutyeni phambi kwam, ikhusele ilizwe elo, ukuze ndingalitshabalalisi; ke andiyifumani.

UHEZEKILE 22:30 XHO96 (IBHAYIBHILE)

“Ndafuna phakathi kwabo indoda yokwakha udonga, ize ime esikrobeni phambi kwam, imele ilizwe, ukuze mna ndingalitshabalalisi; kodwa andiyifumani.

UHEZEKILE 22:30 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Ndaza ndafuna pakati kwabo indoda eya kulwaka udonga, ime esiṙotyeni pambi kwam ngenxa yelizwe, ukuba ndingalitshabalalisi; kodwa andifumananga nanye.

UHEZEKILE 22:30 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Ndakhangela kubo indoda eyayinokwakha uthango ize ime ethubeni phambi kwam ikhusele ilizwe, ukuze ndingalitshabalalisi; kodwa andizange ndifumane nto.