UHEZEKILE 3:19 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo

UHEZEKILE 3:19 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Wena ke, xa uthe wamvuselela ongendawo, akabuya endleleni yakhe, endleleni yakhe engendawo: wófa ngobugwenxa bakhe, kodwa wena uwuhlangule umphefumlo wakho.

UHEZEKILE 3:19 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Kambe ukuba uthe wamlumkisa ngenxa yenkohlakalo yakhe, waza akajika kubutshijolo bakhe, úya kufa ngenxa yenkohlakalo yakhe, kodwa wena uya kusinda.

UHEZEKILE 3:19 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Kodwa nxa umyala okohlakeleyo, kanti akaguquki ekukohlakaleni kwake, nasendleleni yake ekohlakeleyo; uya kufa yena etyaleni lake, nawe uhlangule umpefumlo wako.

UHEZEKILE 3:19 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Wena ke, xa uthe wamvuselela ongendawo, akabuya ebubini bakhe, nangendlela yakhe engendawo, wofa ngobugwenxa bakhe; kodwa uwuhlangule umphefumlo wakho.