UHEZEKILE 34:12 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo
UHEZEKILE 34:12 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Njengoko umalusi awuvelelayo umhlambi wakhe, ngemini yokubakho kwakhe phakathi komhlambi wakhe othiwe saa qhu, ndiya kwenjenjalo ukuwuvelela umhlambi wam; ndiwuhlangule ezindaweni zonke, owaba lusali kuzo ngemini enamafu, enamafu amnyama.
UHEZEKILE 34:12 XHO96 (IBHAYIBHILE)
Njengomalusi olondoloza umhlambi wakhe othe saa, nam ndiya kuzilondoloza iigusha zam. Ndiya kuzihlangula kuzo zonke iindawo ezathi saa kuzo ngomhla wamafu nobumnyama.
UHEZEKILE 34:12 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Njengokuba umalusi efunisela umhlambi wake, emhleni akoyo pakati kwegusha zake ezipangaleleyo, ndiya kwenje njalo ukufunisela igusha zam; ndandiya kuzihlangula kuzo zonke indawo, apo zitiwe sa kona emhleni wamafu nobumnyama.
UHEZEKILE 34:12 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)
Njengomalusi ewugcinayo umhlambi wakhe, ngemini yokubakho kwakhe phakathi kweegusha zakhe ezichithakeleyo; ndiya kuwufuna umhlambi wam, ndiwusindise ezindaweni zonke othe saa kuwo ngemini yamafu nobumnyama.