Uphawu lwe App yeBhayibhile
Khetha Uphawu

UHEZEKILE 34:2 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo

UHEZEKILE 34:2 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Nyana womntu, profeta ngabalusi bakwaSirayeli; profeta, uthi kubo, ngabalusi abo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yeha ke abalusi bakwaSirayeli, abaye bezalúsa ngokwabo! Abalusi babengafanele ukwalúsa umhlambi wabo, yini na?

UHEZEKILE 34:2 XHO96 (IBHAYIBHILE)

“Mntundini, bakhalimele abelusi bakwaSirayeli; ewe, bakhalimele uthi kubo: Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Yehaa, abelusi bakwaSirayeli abakhathalele iziqu zabo kuphela! Ngaba abelusi àbafanele kwalusa umhlambi na?

UHEZEKILE 34:2 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Nyana woluntu! profitesha ngakubo abalusi bakwa‐Sirayeli; profitesha, uti kubo, kubalusi: Itsho INKOSI e NGUYEHOVA ukuti: Makube nzima kubo abalusi bakwa‐Sirayeli abazidlisa bona! Abalusi ngebengazidlisi igusha na?

UHEZEKILE 34:2 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Nyana womntu, profeta kubalusi bakwaSirayeli, uthi kubo, Itsho iNkosi uYehova kubalusi; Yeha ke, abalusi bakwaSirayeli, abazalusa ngokwabo! Abalusi mabangawalusi na umhlambi?