UHEZEKILE 7:13 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo

UHEZEKILE 7:13 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Ngokuba othengisayo akayi kubuyela entweni abethengise ngayo, nokuba ubesadla ubomi phakathi kwabadla ubomi; ngokuba umbono ongéngxokolo yonke yakhona awuyi kubuya umva; kungàbikho bani ubomelezayo ubomi bakhe ebugwenxeni bakhe.

UHEZEKILE 7:13 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Umthengisi akayi kuwubuyiselwa umhlaba wakhe nokuba usaphila nomthengi, kuba awuzukujikwa umbono oxela intshabalalo yesihlwele. Akukho namnye oya kuba nako ukusindisa ubomi bakhe, kuba kaloku akukho namnye ungonanga.

UHEZEKILE 7:13 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Ngokuba umtengisi engayi kubuyela kokutengisiweyo, nangona ubomi babo bebuseko pakati kwabahleliyo; ngokuba umboniso ungenxa yaso sonke isihlwele salo; akayi kubuya; kanjalo akuko namnye oya kubomeleza ubomi bake ngenkohlakalo yake.

UHEZEKILE 7:13 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Kuba othengisayo akanakubuyela entweni abethengise ngayo, nokuba ubesadla ubomi phakathi kwabadla ubomi; ngenxa yokuba umbono uchaphazela isihlwele esilapho, esingayi kubuya; akukho bani uya kumxhasa ebubini bobomi bakhe.