UHEZEKILE 7:27 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo

UHEZEKILE 7:27 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Ukumkani uya kwenza isijwili, nesikhulu sambathe ummangaliso, ziyekelele izandla zabantu belizwe eli. Ndiya kwenza kubo ngokwendlela yabo, ndibagwebe ngokwezigwebo zabo; bazi ukuba ndinguYehova.

UHEZEKILE 7:27 XHO96 (IBHAYIBHILE)

“Iya kuzila ikumkani, itshawe lincame mpela, ziwe phantsi izandla zabemi belizwe. Ndiya kubangcamlisa iindlela zabo; ewe, ndibohlwaye ngomgangatho wabo. Baya kuqonda ukuba ndinguNdikhoyo.”

UHEZEKILE 7:27 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Ukumkani uya kulila, nenkosana iya kwambata ukuti nqa, nezandla zabantu belizwe ziya kutuswa: njengendlela yabo ndiya kwenza kubo, nangemigwebo yabo ndiya kugweba bona; babeya kukwazi okokuba mna ndi NGUYEHOVA.

UHEZEKILE 7:27 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Ukumkani uya kulila, nesikhulu sibe senkangala, ziyekelele izandla zabantu belizwe eli; zazi ukuba ndinguYehova.