UHEZEKILE 7:9 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo
UHEZEKILE 7:9 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Aliyi kuba nanceba kuwe iliso lam, ndingakucongi; ke ndiya kuwabeka phezu kwakho ngokweendlela zakho amasikizi akho phakathi kwakho; názi ukuba mna Yehova ndingobethayo.
Yabelana
UHEZEKILE 7 XHO75UHEZEKILE 7:9 XHO96 (IBHAYIBHILE)
Andiyi kuba naluvelwano, ndingayi kuba nayo nenceba, koko ndiya kukubuyekeza ngenxa yezenzo zakho, uchanwe ngamanyundululu akho. Uya kutsho uqonde ukuba ndim mna Ndikhoyo ogqebhayo.
Yabelana
UHEZEKILE 7 XHO96UHEZEKILE 7:9 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Iliso lam aliyi kuba nosizi, andiyi kuba nenceba kanjalo; njengokwemikwa yako ndiya kubeka pezu kwako, nezinto zako ezibuntshontsho zoba pakati kwako; naniya kukwazi ukuba ndim YEHOVA obetayo.
Yabelana
UHEZEKILE 7 XHO1902AUHEZEKILE 7:9 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)
Aliyi kuba nanceba iliso lam, ndingabi nanceba; ke ndiya kuwabeka phezu kwakho ngokweendlela zakho, nangamasikizi akho phakathi kwakho; nazi ukuba ndinguYehova owohlwayayo.
Yabelana
UHEZEKILE 7 CXB24