IGENESIS 21:17-18
IGENESIS 21:17-18 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Waliva uThixo ilizwi lenkwenkwe. Samemeza isithunywa sikaThixo kuHagare sisemazulwini, sathi kuye, Ùnantoni na, Hagare? Musa ukoyika, ngokuba uThixo ulivile ilizwi lenkwenkwe apho ikhona. Suka ume, uyithabathe inkwenkwe, uyibambe ngesandla; kuba ndiya kuyenza uhlanga olukhulu.
IGENESIS 21:17-18 IBHAYIBHILE (XHO96)
UThixo wamva ekhala umntwana, kwavakala ilizwi lesithunywa livela ezulwini, lisithi kuHagare: “Ukhathazwa yintoni, Hagare? Sukoyika. UThixo umvile umntwana wakho kulaa ndawo umbeke kuyo. Hamb' uye kumthatha umthuthuzele. Úya kuba ngunozala wesizwe esikhulu.”
IGENESIS 21:17-18 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Waliva uThixo ilizwi lenkwenkwe; samemeza isithunywa sikaThixo kuHagare sisemazulwini, sathi kuye, Ukhathazwa yintoni na, Hagare? Musa ukoyika; ngokuba uThixo ulivile ilizwi lonyana apho akhona. Suka ume, uyiphakamise inkwenkwe, uyibambe ngesandla; ngokuba ndiya kumenza uhlanga olukhulu.
IGENESIS 21:17-18 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Waye UTIXO weva ilizwi lomfana; yaza ingelosi KATIXO yabiza ku‐Hagare isezulwini, yati kuye: Unandawo nina, Hagare? ungoyiki; ngokuba UTIXO evile ilizwi lomfana apo akona. Suka, umfunqule umfana, umbambe ngesandla sako; ngokuba ndiya kumenza isizwe esikulu.