ABAGWEBI 6:5 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo

ABAGWEBI 6:5 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Ngokuba bebenyuka bona nemfuyo yabo, neentente zabo, beza bénjengeenkumbi ukuba baninzi, ababa nakubalwa, bona neenkamela zabo; balingena ilizwe ukuba balonakalise.

ABAGWEBI 6:5 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Zazisiza nemfuyo, neentente zazo, kutsho kunyakaze ngathi libubu leenkumbi. Lo mkhosi ke ukunye nezo nkamela wawusuka ube yinyambalala. Wawusuka ulitshabalalise ilizwe lonke

ABAGWEBI 6:5 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Ngokuba ebenyuka nenkomo zawo nentente zawo, eza njengenkumbi ngobuninzi, kwada akwabi nakubalwa wona nenkamela zawo; eza elizweni ukulonakalisa.

ABAGWEBI 6:5 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Benyuka bona nempahla yabo emfutshane, neentente zabo, beza njengeenkumbi ukuba baninzi; ngokuba babengenakubalwa bona neenkamela zabo; bangena ehlabathini ukuba balitshabalalise.