UYOBHI 32:2 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo
UYOBHI 32:2 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wavutha umsindo kaElihu unyana kaBharakeli, wakwaBhuzi, owemizalwane yakwaRam; wavutha kuYobhi umsindo wakhe, ngenxa yokuzigwebela ngokwakhe kunoThixo.
Yabelana
UYOBHI 32 XHO75UYOBHI 32:2 XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke yena uElihu unyana kaBharakeli wendlu kaRam eBhuzi uthe akuyiqonda le meko wasuka wakhathazeka, kuba kaloku uYobi wayezenza ilungisa esola uThixo.
Yabelana
UYOBHI 32 XHO96UYOBHI 32:2 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwandul’ ukuvuta ingqumbo ka‐Elihu unyana ka‐Barakeli um‐Buze, owesizalwane sika‐Rame: ngakuye u‐Jobi yavutu ingqumbo yake, ngenxa yokuba wazigwebela ngapezu KWOTIXO
Yabelana
UYOBHI 32 XHO1902AUYOBHI 32:2 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)
Wavutha umsindo kaElihu, unyana kaBharageli, umphathi wesizwe sakwaRam; Wavutha umsindo wakhe kuYobhi, ngokuba wayezigqala elilungisa kunoThixo.
Yabelana
UYOBHI 32 CXB24