UYOBHI 4:4-6
UYOBHI 4:4-6 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ukuthetha kwakho kwabaphakamisa abakhubekayo, Wawaqinisa amadolo agevegeve. Kungokunje into izé kuwe, wadinwa; Ifike kuwe, wakhwankqiswa. Ukoyika kwakho uThixo asiyinqolonci yakho na? Ithemba lakho alikukugqibelela kweendlela zakho na?
UYOBHI 4:4-6 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ngamazwi akho ubaxhasile abakhubekayo, wabaqinisa abamadolo agevezelayo. Namhlanje ke kungawe, naku ke wena ungenakunyamezela; ewe, zidla kuwe, ngoku ke wena suka wadideka. Andithi na kaloku wena ukholosa ngokuhlonela uThixo? Ewe kaloku, qamela ngobunyulu beendlela zakho, ukholose!
UYOBHI 4:4-6 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Amazwi akho amxhasa lowo wayeza kuwa, waza wawaqinisa amadolo abuthathaka. Kodwa ngoku uzelwe, kwaye udiniwe; uyamchukumisa, uyoyika. Asikuko na ukunkwantya, ithemba lakho, ithemba lakho, nobulungisa beendlela zakho?
UYOBHI 4:4-6 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Obeku̔beka amazwi ako ampakamisile, namadolo atobayo uwaqinisile. Koko kaloku kuze pezu kwako, seucubukile; kufikele kuwe, selutusiwe. Asi kukwoyika kwako na okuyingqiniso yako, nobunene bemikwa yako obulitemba lako?