UYONA 4:2
UYONA 4:2 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Wathandaza kuYehova, wathi, Camagu, Yehova! Labe lingelilo na ilizwi lam eli, ndisesemhlabeni wakowethu? Ngenxa yoko ndaphanga ngokubalekela eTarshishe; ngokuba ndandisazi ukuba ùnguThixo obabalayo, onemfesane, ozeka kade umsindo, onenceba enkulu, ozohlwayayo ngenxa yobubi.
UYONA 4:2 IBHAYIBHILE (XHO96)
Wathandaza *kuNdikhoyo esithi: “Kwowu, Ndikhoyo, le nto yileya ndayithethayo kwandisesekhaya. Kwakungenxa yayo ndakhawulezayo ukubalekela eTashishe. Bendisazi ukuba wena unguThixo onesisa nenceba, uThixo oza kade umsindo nonobubele obukhulu, uThixo oyijikayo ingqondo yakhe asiyeke isohlwayo.
UYONA 4:2 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Wathandaza kuYehova, wathi, Owu Yehova, asilolizwi na endalithethayo ndisezweni lakowethu? Ndabalekela eTarshishe ngenxa engaphambili, kuba ndandisazi ukuba uThixo unemfesane, onemfesane, onobulali, onenceba, nobugwenxa.
UYONA 4:2 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Waza watandaza KUYEHOVA, wati: Ke, YEHOVA! ilizwi lam belingelilo eli na, xeshekweni bendiseko elizweni lam? Ngako oko ndapangela ngokwesabela e‐Tareshishe; ngokuba bendisazi ukuba wena u NGUTIXO onofefe nenceba, oqumba kade, onobubele obukulu, onosizi ngobubi.