UYONA 4:8 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo
UYONA 4:8 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi ekuphumeni kwelanga, uThixo wamisela ulophu lwasempumalanga; ilanga labetha kuYona entloko, wawa isiduli; wawucelela ukufa umphefumlo wakhe, wathi, Kulungile ukufa kum, kunokuba ndidle ubomi.
UYONA 4:8 XHO96 (IBHAYIBHILE)
Lithe ke lakuphuma ilanga uThixo wathumela umoya wasempuma onolophu, laza lanqanqaza ilanga phezu kwentloko kaJona. Kwanzima kuye; phantse wayoba. Watsho wanqwenela ukufa, wathi: “Kungcono ukuba ndife kunokuba ndidle ubomi.”
UYONA 4:8 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaza kwati, lakupuma ilanga, UTIXO wamisela umoya wasempumalanga olulwopu, lati ilanga labalela pezu kwentloko ka‐Jona, wada wacubuka, wazicelela ukuba makafe, wati: Kulungile ukufa kwam ngapezu kwobomi bam.
UYONA 4:8 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)
Ekuphumeni kwelanga, uThixo wahambisa umoya wasempumalanga; ilanga labetha entloko kuYona, wadinwa, wafuna ukufa ngaphakathi kwakhe, wathi, Kulungile ukuba ndife kunokuba ndidle ubomi.