ILEVITIKUS 9:24 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo
ILEVITIKUS 9:24 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwaphuma umlilo ebusweni bukaYehova, walidla idini elinyukayo, namanqatha aphezu kwesibingelelo; babona bonke abantu, baduma, bawa ngobuso.
Yabelana
ILEVITIKUS 9 XHO75ILEVITIKUS 9:24 XHO96 (IBHAYIBHILE)
Suka kwaphuma umlilo kuNdikhoyo, watshisa elo dini naloo manqatha ebephezu kweqonga. Bathi bakuyibona loo nto abantu, baduma bonke, bee qubudu bawa ngobuso.
Yabelana
ILEVITIKUS 9 XHO96ILEVITIKUS 9:24 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kupuma umlilo ebusweni BUKAYEHOVA, wagqibela pezu kwesibingelo idini lokutshiswa namanqata: bati bakubona bonke abantu, badanduluka ngovuyo, bawa ngobuso babo.
Yabelana
ILEVITIKUS 9 XHO1902AILEVITIKUS 9:24 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)
Kwaphuma umlilo phambi koYehova, walidla idini elinyukayo, nenqatha, phezu kwesibingelelo. Bakubona bonke abantu, baduma, bawa ngobuso.
Yabelana
ILEVITIKUS 9 CXB24