UMATEYU 6:11-13
UMATEYU 6:11-13 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Siphe namhla isonka sethu semihla ngemihla. Usixolele amatyala ethu, njengokuba nathi sibaxolela abo banamatyala kuthi. Ungasingenisi ekulingweni, sihlangule enkohlakalweni. Ngokuba bubobakho ubukumkani, namandla, nozuko, kuse kuwo amaphakade. Amen.
UMATEYU 6:11-13 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Siphe namhla isonka sethu semihla ngemihla. Usixolele amatyala ethu, njengokuba nathi sibaxolela abanamatyala kuthi. Ungasingenisi ekuhendweni, kodwa usihlangule ebubini. Kaloku ubukumkani bubobakho, namandla, nozuko, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen.
UMATEYU 6:11-13 IBHAYIBHILE (XHO96)
Sibonelele kwiintswelo zethu zemihla ngemihla; usixolele amatyala ethu, njengokuba nathi sibaxolela abasonayo; ungasiyekeli ekulingweni, koko sihlangule kumtyholi; [kuba ngenene nguwe olawulayo, namandla ngawakho, nodumo, kude kube ngunaphakade! Amen.]’
UMATEYU 6:11-13 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Sipe namhla nje ukutya kwetu kwemihla ngemihla. Usixolele izono zetu, njengokuba nati sixolela abo basonayo tina. Ungasingenisi ekulingweni, zusisindise enkohlakalweni. Ngokuba bubobako ubukumkani, namandla, nobungcwalisa, kude kube ngunapakade. Amene.