uMateyu uMateyu 6
uMateyu 6
1Lumkani, ubulungisa benu ningabenzeli ebusweni babantu, ngokunga ningabonwa ngabo; okanye, aninamvuzo kuYihlo osemazulwini. 2Ngoko ke, xa sukuba uliza abantu, ungahlokomisi xilongo phambi kwakho, njengoko benza ngako abahanahanisi ezindlwini zesikhungu, nasezitratweni, ukuze bazukiswe ngabantu. Inene ndithi kuni, Bawufincile umvuzo wabo. 3Ke wena, xa uthe wasisa, masingakwazi isandla sakho sokhohlo into esiyenzayo esokunene; 4ukuze amalizo akho abe semfihlekweni, aze uYihlo obona emfihlekweni akubuyisele ekuhleni. 5Naxa sukuba uthandaza, uze ungabi njengabahanahanisi; ngokuba bethanda ukuthandaza bemi ezindlwini zesikhungu nasezimbombeni zezitrato, ngokokuze babe nokubonwa ngabantu. Inene ndithi kuni, Bawufincile umvuzo wabo. 6Ke wena, xa sukuba uthandaza, ngena egumbini lakho, uthi, uluvalile ucango lwakho, uthandaze kuYihlo osemfihlekweni; aze uYihlo obona emfihlekweni akubuyisele ekuhleni. 7Nithandaza njalo ke, maningenzi milembelele ingeyanto, njengabeentlanga; kuba beba boviwa ngenxa yamazwi abo amaninzi. 8Ngoko maningafani nabo; kuba ekwazi uYihlo enikusweleyo, ningekamceli. 9Thandazani ngoko nina nenjenje: Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho. 10Mabufike ubukumkani bakho. Makwenziwe ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengokuba kusenziwa emazulwini. 11Siphe namhla isonka sethu semihla ngemihla. 12Usixolele amatyala ethu, njengokuba nathi sibaxolela abanamatyala kuthi. 13Ungasingenisi ekuhendweni, kodwa usihlangule ebubini. Kaloku ubukumkani bubobakho, namandla, nozuko, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen. 14Kuba xa nithi nibaxolele abantu izigqitho zabo, uYihlo osemazulwini wonixolela nani. 15Ukuba anibaxoleli abantu izigqitho zabo, noYihlo ke akayi kunixolela iziphoso zenu. 16Xa sukuba ke nizila ukudla, maningabi njengabahanahanisi, bona bamatshekileyo; kuba babenza bubi ubuso babo, ukuze babonakale ebantwini ukuba bazilile. Inene ndithi kuni, Bawufincile umvuzo wabo. 17Ke wena, xa uzila ukudla, yithambise intloko yakho, ubuhlambe ubuso bakho; 18ukuze ungabonakali ebantwini ukuba uzilile, ubonakale kuYihlo osemfihlekweni; aze uYihlo obona emfihlekweni akubuyisele ekuhleni. 19Musani ukuziqwebela ubutyebi emhlabeni, apho konakalisa inundu nomhlwa, nalapho amasela agqobhozayo ebe; 20ziqwebeleni ke ubutyebi emazulwini, apho kungonakalisi nundu namhlwa, nalapho amasela angagqobhoziyo ebe. 21Kuba apho bukhona ubutyebi benu, yoba lapho nentliziyo yenu. 22Isibane somzimba liliso; xa sukuba iliso lakho ngoko lingenakumbi, umzimba wakho uphela wokhanyiseleka. 23Kodwa xa sukuba iliso lakho likhohlakele, umzimba wakho uphela woba bubumnyama. Ukuba ngoko ukukhanya okukuwe kububumnyama, bungakanani na ubumnyama obo! 24Akukho mntu unako ukukhonza nkosi mbini; kuba eya kuyithiya le, athande leya; athi mhlawumbi abambelele kule, ayidele leya; Aninako ukukhonza uThixo nobutyebi. 25Ngenxa yoko ndithi kuni, Musani ukubuxhalela ubomi benu, nisithi nodla ntoni na; nosela ntoni na; kwanomzimba wenu, nisithi niya kwambatha ntoni na. Ubomi abungaphezulu na kuko ukudla, nomzimba awungaphezulu na kwinto yokwambatha? 26Yondelani ezintakeni zasezulwini; ngokuba azihlwayeli, azivuni, azibutheli koovimba; ukanti uYihlo osemazulwini uyazondla. Anizigqithile ngokugqithileyo na? 27Nguwuphi na ke kuni onokuthi ngokuxhala ongeze ebukhulwini bakhe ikubhite ibe nye? 28Kanjalo yini na ukuba nixhalele into yokwambatha? Qondani ngeenyibiba zasendle, ukuhluma kwazo; azibulaleki, azisonti nokusonta; 29Ke ndithi kuni, noSolomon kubo bonke ubunewunewu bakhe, wayengavathiswanga nanjenganye kuzo ezi. 30Ukuba ke ingca, leyo isendle, ethi namhla ibekho, ize ngomso iphoswe eziko, wenjenjalo uThixo ukuyambathisa, akayi kunambathisa kakhulu ngakumbi na, bantundini balukholo luncinane? 31Musani ukuxhala ngoko, nisithi, Sodla ntoni na? sosela ntoni na? okanye, Siya kwambatha ntoni na? 32Kuba zonke ezo zinto zingxanyelwe ziintlanga; kuba uYihlo osemazulwini uyazi ukuba ezo zinto zonke ziyafuneka kuni. 33Funani ke tanci ubukumkani bukaThixo nobulungisa bakhe, zaye zonke ezo zinto ziya kongezelelwa kuni. 34Ngoko musani ukuxhalela ingomso; kuba ingomso liya kuxhalela okwalo. Buyanele imini leyo ububi bayo.
Currently Selected:
uMateyu uMateyu 6: CXB24
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.