uMateyu uMateyu 5

uMateyu 5
1Uthe ke, akuzibona izihlwele ezo, wenyuka intaba; waza akuhlala phantsi, beza kuye abafundi bakhe 2Wawuvula umlomo wakhe, wabafundisa, esithi, 3Banoyolo abangamahlwempu ngomoya; ngokuba ubukumkani bamazulu bobabo. 4Banoyolo abakhedamileyo; ngokuba baya konwatyiswa bona. 5Banoyolo abanobulali; ngokuba umhlaba baya kuwudla ilifa bona. 6Banoyolo abalambela banxanelwe ubulungisa; ngokuba baya kuhluthiswa bona. 7Banoyolo abo banenceba, kuba baya kwenzelwa inceba bona. 8Banoyolo abahlambulukileyo intliziyo; ngokuba baya kumbona uThixo bona. 9Banoyolo abaxolisi; ngokuba baya kubizwa ngokuthi bangoonyana bakaThixo bona. 10Banoyolo abatshutshiswa ngenxa yobulungisa; ngokuba ubukumkani bamazulu bobabo. 11Ninoyolo nina xa bathe abantu baningcikiva, banitshutshisa, bathetha zonke izinto ezikhohlakeleyo ngani bexoka, ngenxa yam. 12Vuyani nigcobe kunene; ngokuba umvuzo wenu mkhulu emazulwini; kuba benjenjalo ukubatshutshisa abaprofeti ababekho phambi kwenu. 13Niyityuwa yehlabathi nina; ke ukuba ityuwa ithe ayaba nasongo, yothiwani na ukuvakaliswa? ayisalungele nto, kukulahlwa phandle, inyathelwe ngabantu. 14Nina nilukhanyiselo lwehlabathi; Umzi omi phezu kwentaba awunakufihlakala; 15Kananjalo abantu abasibaneki isibane basibeke phantsi kwesitya; kwaye ibakhanyisela bonke abasendlwini. 16Malukhanye ngokunjalo ukhanyiselo lwenu phambi kwabantu; ukuze bayibone imisebenzi yenu emihle, bamzukise uYihlo osemazulwini. 17Ningabi ndize kuchitha umthetho, nokuba ngabaprofeti; andize kuchitha, ndize kuzalisekisa. 18Kuba inene ndithi kuni, Koda kudlule izulu nehlabathi, kungakhanga kudlule nalinye iganyana nokuba lisuntswana emthethweni, kude kwenzeke konke. 19Othe ngoko wachitha noko umnye kule mithetho mincinanana, wabafundisa abantu ngokunjalo, kothiwa ungomncinanana ebukumkanini bamazulu; othe wenza wafundisa ngayo, kothiwa ngomkhulu ebukumkanini bamazulu. 20Kuba ndithi kuni, Ukuba ubulungisa benu abuthanga bugqithe kakhulu kobababhali nabaFarisi, anisayi kukha ningene ebukumkanini bamazulu. 21Nivile ukuba kwathiwa kumanyange, Uze ungabulali; othe wabulala, woba sisisulu somgwebo; 22Ke mna ndithi kuni, Wonke umntu ofumana amqumbele umzalwana wakhe, woba sisisulu somgwebo; othe ke kumzalwana wakhe, Ntw’ ingento, woba sisisulu sentlanganiso yamatyala; uya kuba sengozini yesihogo somlilo. 23Xa sukuba uwusondeza umnikelo wakho esibingelelweni, wathi ulapho wakhumbula ukuba umzalwana wakho unendawo ngakuwe; 24Sishiye apho isipho sakho phambi kwesibingelelo, uhambe; uxolelana nomzalwana wakho kuqala, wandule ukuza uwusondeze umnikelo wakho. 25Lungisana kamsinya nokumangaleleyo, usesendleleni naye; hleze ummangaleli lowo akunikele kumgwebi, aze umgwebi akunikele kumsila, uze uphoswe entolongweni. 26Inene ndithi kuwe, Akusayi kukha uphume khona apho, ude uhlawule nemalanana yokugqibela. 27Nivile ukuba kwathiwa kumanyange, Uze ungakrexezi. 28Ke mna ndithi kuni, Wonke umntu okhangela umntu oyinkazana, ukuba amkhanuke, uselemkrexezile entliziyweni yakhe. 29Ukuba iliso lakho lokunene liyakukhubekisa, linyothule ulilahle kuwe; kuba kukulungele kanye ukuba kutshabalale libe linye emalungwini akho, kunokuba umzimba wakho uphela uphoswe esihogweni. 30Ukuba ke isandla sakho sokunene siyakukhubekisa, sinqumle usilahle kuwe; kuba kukulungele kanye ukuba kutshabalale libe linye emalungwini akho, kunokuba umzimba wakho uphela uphoswe esihogweni. 31Kwathiwa ke, Othe wamala umfazi wakhe, makamnike incwadi yokwahlukana. 32Ke mna ndithi kuni, othe wamala umfazi wakhe ngaphandle kwendawo yombulo, uyamkrexezisa; nothe wazeka owaliweyo, uyakrexeza. 33Kananjalo nivile ukuba kwathiwa kumanyange, Uze ungafungi; 34Ke mna ndithi kuni, Maningakhe nifunge nto; nokuba lizulu; ngokuba yitrone kaThixo; 35Nangomhlaba; nokuba lisihlalo seenyawo zakhe; ngokuba ngumzi woKumkani omkhulu. 36Uze ungayifungi nentloko yakho, ngokuba ungenamandla okwenza nalunye unwele lube mhlophe okanye lube mnyama. 37Ilizwi lenu ke malibe nguewe, ewe; Hayi, hayi; kuba okungaphezulu koko kuvela kongendawo. 38Nivile ukuba kwathiwa, Iliso maliphindezelwe ngeliso, nezinyo ngezinyo. 39Ke mna ndithi kuni, maningaxhali nongendawo; kodwa othe wakubetha esidleleni sakho sokunene, mguqulele nesinye. 40Nalowo ufuna ukukumangalela, akuhluthe ingubo yangaphantsi, myekele neyokwaleka. 41Nosukuba ekunyanzelela imayile enye, hamba naye zibe mbini. 42Mphe lowo ukucelayo, nalowo ufuna ukuboleka kuwe ungamnikeli umva. 43Nivile ukuba kwathiwa, Uze umthande ummelwane wakho, uluthiye utshaba lwakho. 44Ke mna ndithi kuni, Zithandeni iintshaba zenu, basikeleleni abo baniqalekisayo, benzeleni okulungileyo abo banithiyayo, nibathandazele abo banigxekayo banitshutshise; 45ukuze nibe ngabantwana boYihlo osemazulwini; ngokuba yena elenza ilanga lakhe liphume phezu kwabakhohlakeleyo nabalungileyo, nemvula eyinisa phezu kwabalungisayo nabangalungisiyo. 46Ukuba nithanda abo banithandayo, ninamvuzo mni na? Abenzi kwaloo nto na nababuthi berhafu? 47Naxa nithe nabulisa abazalwana benu bodwa, yintoni na egqithiseleyo eniyenzayo? Abenzi benjenjalo na nababuthi berhafu? 48Ngoko yibani ngabafezekileyo, njengokuba uYihlo osemazulwini efezekile.

Currently Selected:

uMateyu uMateyu 5: CXB24

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena