UMATEYU 6:25-26
UMATEYU 6:25-26 IBHAYIBHILE (XHO96)
“Kungoko ndithi kuni, musani ukubuxhalela ubomi benu nisithi notya ntoni, nisele ntoni. Kwanomzimba wenu ze ningawuxhaleli, nisithi niya kunxiba ntoni. Ubomi abungaphezulu na kokutyiwayo; wona umzimba awungaphezulu na kokunxitywayo? Khaniqwalasele iintaka. Azihlwayeli, azivuni, azigcini siseleni, kanti uYihlo osezulwini uyazondla. Ke, kungakanani na ukuxabiseka kwenu kunazo!
UMATEYU 6:25-26 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ngenxa yoko ndithi kuni, Musani ukubuxhalela ubomi benu, nisithi nodla ntoni na; nosela ntoni na; kwanomzimba wenu, nisithi niya kwambatha ntoni na. Ubomi abungaphezulu na kuko ukudla, nomzimba awungaphezulu na kwinto yokwambatha? Yondelani ezintakeni zasezulwini; ngokuba azihlwayeli, azivuni, azibutheli koovimba; ukanti uYihlo osemazulwini uyazondla. Anizigqithile ngokugqithileyo na?
UMATEYU 6:25-26 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ngenxa yoko ndithi kuni, Musani ukubuxhalela ubomi benu, nisithi nodla ntoni na; nosela ntoni na; kwanomzimba wenu, nisithi niya kwambatha ntoni na. Ubomi abungaphezulu na kuko ukudla, nomzimba awungaphezulu na kwinto yokwambatha? Yondelani ezintakeni zasezulwini; ngokuba azihlwayeli, azivuni, azibutheli koovimba; ukanti ke uYihlo osemazulwini uyazondla. Nina anizidlule kakhulu na?
UMATEYU 6:25-26 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ngako oku nditi kuni: Musani kutukutezelela ubomi benu, ukuba notya nto nina, nokuba nosela nto nina; ningatukutezeleli nomzimba wenu, ukuba niya kwambata nto nina: ubomi abukulu na kuko ukutya? nomzimba awumkulu na kuzo izivato? Kangelani intaka zezulu, okokuba azihlwayeli, azivuni, azibuteli eziseleni, kanti UYIHLO wasezulwini uyazondla noko: kekaloku nina anigqitisele zona kakulu na?