UNEHEMIYA 6:15-16
UNEHEMIYA 6:15-16 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Lwagqitywa udonga ngomhla wamashumi amabini anesihlanu kaEluli, ngemihla emashumi mahlanu anamibini. Kwathi zakukuva oko iintshaba zethu zonke, zoyika zonke iintlanga ezisijikelezileyo, zetha amandla emehlweni azo, zazi ukuba kuvele kuThixo wethu ukwenziwa kwalo msebenzi.
UNEHEMIYA 6:15-16 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ke lona udonga lwagqitywa ngomhla wamashumi amabini anantlanu wenyanga uEluli, emva kweentsuku ezingamashumi amahlanu anambini lwaqalwayo. Zithe ke iintshaba zethu zakuziva ezi ndaba, ndawonye nezizwe ezingabamelwana ezazibona ngamehlo, suka zaphelelwa kukuzithemba kwazo, kuba kaloku ziqonda ukuba lo msebenzi wenziwe ngoncedo lukaThixo wethu.
UNEHEMIYA 6:15-16 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Lwagqitywa ke udonga ngomhla wamashumi omabini anesihlanu wenyanga enguEluli, ngeentsuku ezimashumi mahlanu anamibini. Kwathi zakukuva oko iintshaba zethu zonke, zakubona oko zonke iintlanga ezisijikelezileyo, zawa emehlweni azo, ngokuba zibonile ukuba lo msebenzi ubewenziwe nguThixo wethu.
UNEHEMIYA 6:15-16 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kwada kwafezwa udonga ngowamashumi mabini anesihlanu umhla wenyanga yo‐Elule, kuyo imihla imashumi mahlanu anamibini. Kwaza kwati, xeshekweni bekuviwa ngabo bonke abazintshaba zetu, naxeshekweni bekubonwa ngabo bonke abaheyideni abasingqongayo, bandula bawa kakulu kwawabo amehlo: ngokuba bebesazi ukuba lomsebenzi ube wenziwe NGUTIXO wetu.