IMIZEKELISO 3:13-15
IMIZEKELISO 3:13-15 IBHAYIBHILE (XHO96)
Unenyhweba kambe umntu obufumeneyo ubulumko; nditsho lowo ukuzuzileyo ukuqonda. Kaloku bona ubulumko yingeniso engaphezu kwayo nesiliva; nditsho negolide ayithathi nto kubo. Ewe, bungaphezulu lee nakumatye axabisekileyo. Kuzo zonke izinto onokuzinqwenela ayikho edlula ubulumko.
IMIZEKELISO 3:13-15 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Hayi, uyolo lomntu ofumene ubulumko, Lomntu ozuze ingqondo! Kuba lulungile urhwebo lwabo ngaphezu korhwebo lwesilivere, Nongeniselo lwabo ngaphezu kwegolide embiweyo. Bunqabile bona ngaphezu kwekorale,• Nezinto zakho zonke ezinqwenelekayo azilingani nabo.
IMIZEKELISO 3:13-15 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Hayi, uyolo lomntu ofumene ubulumko, Lomntu ozuze ingqondo! Kuba ishishini labo liwugqithile urhwebo lwesilivere, nongeniselo lwabo ngaphezu kwegolide embiweyo. Uxabiseke ngaphezu kweeperile, yaye yonke into onokuyinqwenela ayinakulinganiswa naye.
IMIZEKELISO 3:13-15 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
HAI itamsanqa lomntu ofumanayo ubulumko, nelomntu ozuzayo ingqondo! Ngokuba intengo yabo ilungile pezu kwentengo yesilivere, nenzuzo yabo pezu kwegolide. Bunqabile bona pezu kwerubi; kanjako zonke izinto zako ezinqwenelekayo azingelingane nabo.