IINDUMISO 1:2-3
IINDUMISO 1:2-3 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Yena unonelela umyalelo kaYehova; Ucamanga ngomyalelo wakhe imini nobusuku: Unjengomthi omiliselwe phezu kwemijelo yamanzi, Onika isiqhamo sawo ngexesha lawo, Ogqabi lawo lingabuniyo; Konke akwenzayo kophumelela.
IINDUMISO 1:2-3 IBHAYIBHILE (XHO96)
Lowo wonwatyiswa yimiyalelo *kaNdikhoyo, ayetyise emini nasebusuku. Unjengomth' otyalwe ngasemijelweni yamanzi, umth' ovelisa iziqhamo ngexesha leziqhamo, umth' omagqabi angasoz' abune. Ewe, konk' akwenzayo umnt' onjalo kuyaphumelela.
IINDUMISO 1:2-3 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Yena unonelela umyalelo kaYehova; kwaye ucamanga ngomyalelo wakhe imini nobusuku. Unjengomthi omiliselwe phezu kwemijelo yamanzi, Onika isiqhamo sawo ngexesha lawo; igqabi lawo aliyi kubuna; yaye konke akwenzayo kophumelela.
IINDUMISO 1:2-3 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
koko ukunyamekela kwake kusemtetweni KAYEHOVA, ecinga nokucinga umteto wake emini nasebusuku! Uya kuba njengomti utyelwe ngasemijelweni yamanzi ke, ovelisa isiqa̔mo sawo ngexesha lawo, nogqabi lingayi kubuna; nako konke akwenzayo kwolungiseka.