ISITYHILELO 12:14-16
ISITYHILELO 12:14-16 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Umfazi wanikwa amaphiko amabini okhozi olukhulu, ukuze aphaphazele aye entlango, endaweni yakhe, apho anqakwa khona ixesha, namaxesha, nesiqingatha sexesha, kùde nobuso benyoka. Inyoka yakhupha emva komfazi ngomlomo wayo amanzi anjengomlambo, ukuze imkhukulise nomlambo. Umhlaba wamsiza umfazi, wathi umhlaba wawuvula umlomo wawo, wawufinca umlambo eyawukhuphayo inamba ngomlomo wayo.
ISITYHILELO 12:14-16 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kodwa wayenikwe amaphiko afana nawokhozi umfazi, ukuze abhabhele entlango apho wayeza kugcinakala khona iminyaka emithathu enesiqingatha engenakuhlaselwa ligongqongqo, inyoka endala. Ke lona igongqongqo, inyoka leyo, lahlanza umlambo wamanzi emva komfazi lowo ukuze akhukuliswe. Suka umhlaba wona wamnceda umfazi. Wavuleka, wawaginya loo manzi ayephume kwelo gongqongqo.
ISITYHILELO 12:14-16 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Umfazi wanikwa amaphiko amabini okhozi olukhulu, ukuze aphaphazele aye entlango, endaweni yakhe, apho anqakwa khona ixesha, namaxesha, nesiqingatha sexesha, kude nobuso benyoka. Inyoka yakhupha emlonyeni wayo amanzi anjengomlambo emva komfazi, ukuze imkhukulise nomlambo. Waza umhlaba wamncedisa umfazi, waza umhlaba wawuvula umlomo wawo, wawuginya umlambo eyawukhuphayo inamba emlonyeni wayo.
ISITYHILELO 12:14-16 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kwaza kwanikwa lonkazana amapiko amabini okozi olukulu, ukuze ibaleke iye entlango, endaweni yayo, apo isondliwa kona ixesha, namaxesha, nesiqingata sexesha, ifihlwe ebusweni bayo inyoka. Yaza inyoka yawaku̔pela emva kwenkazana kuwo umlomo wayo amanzi njengomlambo, ukuze iyenze yona ikukuliswe ngumlambo. Kanti umhlaba wayisiza inkazana, wati umhlaba wakamisa umlomo wawo, wawuginya umlambo lowo inamba yawuku̔payo kuwo umlomo wayo.