ISITYHILELO 12:3-4
ISITYHILELO 12:3-4 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kwabonakala omnye umqondiso emazulwini: nantso, inamba enkulu ebomvu, ineentloko ezisixhenxe neempondo ezilishumi, kwiintloko zayo izizithsaba ezisixhenxe. Umsila wayo wawurhola isahlulo sesithathu seenkwenkwezi zezulu, waziphosa emhlabeni. Yathi inamba leyo yema phambi komfazi owayeza kuzala, ukuze, xa athe wazala, imdle imgqibe umntwana wakhe.
ISITYHILELO 12:3-4 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kuvele omnye umqondiso esibhakabhakeni. Kuthe gqi igongqongqo elibomvu krwe. Lalineentloko ezisixhenxe neempondo ezilishumi; linezithsaba ezisixhenxe kwezo ntloko. Umsila walo wavuthulula isiqingatha sesithathu seenkwenkwezi, waziwisela phantsi emhlabeni. Igongqongqo lema ngaphambi kwalo mfazi wayeza kubeleka, ukuze luluthi bimbilili usana olo xa luvelayo.
ISITYHILELO 12:3-4 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kwabonakala omnye umqondiso ezulwini: nantso, inamba enkulu ebomvu, ineentloko ezisixhenxe neempondo ezilishumi, kwiintloko zayo izizithsaba ezisixhenxe. Umsila wayo wawurhola isahlulo sesithathu seenkwenkwezi, waziphosa emhlabeni. Yathi inamba leyo yema phambi komfazi owayeza kuzala, ukuze, xa athe wazala, imdle imgqibe umntwana wakhe.
ISITYHILELO 12:3-4 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kwaza kwabonakala omnye umqondiso ezulwini; kekaloku bona ke, inamba enkulu ebomvu, inentloko zisixe̔nxe nempondo zilishumi, nekrone zisixe̔nxe pezu kwentloko zayo. Uti umsila wayo war̔ola isiqingata sesitatu senkwenkwezi zezulu, wazikahlela emhlabeni. Yaza inamba leyo yema pambi kwalonkazana iza kuzala, ukuze iti yakuzala imdle umntwana wayo.