ISITYHILELO 12:5-6
ISITYHILELO 12:5-6 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Wazala umntwana oyinkwenkwe, oza kuzalúsa zonke iintlanga ngentonga yentsimbi; umntwana wakhe lowo wathiwa xwi, wasiwa kuye uThixo, nakuyo itrone yakhe. Wathi umfazi wasabela entlango, apho ikhona indawo ayilungiselwe nguThixo, ukuze bamnqake khona imihla eliwaka elinamakhulu mabini anamanci mathandathu.
ISITYHILELO 12:5-6 IBHAYIBHILE (XHO96)
Umfazi lowo wazala umntwana oyinkwenkwe, owayemiselwe ukuzilawula ngegunya elingqongqo zonke iintlanga. Kodwa olo sana lwathiwa xhwi lwasiwa ewongeni kuThixo ohleli kwibhotwe lakhe. Umfazi yena wabalekela entlango apho wayelungiselelwe indawo khona nguThixo. Wahlala apho egcinakele amakhulu alishumi elinambini namashumi amathandathu eentsuku.
ISITYHILELO 12:5-6 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Wazala umntwana oyinkwenkwe, oza kuzalusa zonke iintlanga ngentonga yentsimbi, umntwana wakhe lowo wathiwa xwi, wasiwa kuye uThixo, nakuyo itrone yakhe. Umfazi wasabela entlango, apho ikhona indawo ayilungiselwe nguThixo, ukuze bamnqake khona iintsuku eziliwaka elinamakhulu mabini anamanci mathandathu.
ISITYHILELO 12:5-6 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Yada yazala umntwana obudoda, oza kupata intlanga zonke ngentonga yesincete; wati umntwana wayo wasuselwa kuye UTIXO neterone yake. Yaza lonkazana yesabela entlango, apo ibinendawo ilungisiwe NGUTIXO, ukuze yondliwe kona imihla ibe liwaka linamakulu mabini anamashumi matandatu.