ISITYHILELO 6:12-13
ISITYHILELO 6:12-13 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ndaza ndabona xeshekweni yasinqikayo isincamatiselo sesitandatu, kekaloku bona ke, kusuke kwabako isingcangcazelo esikulu somhlaba; lati ilanga laba mnyama njengentlakantlaka yoboya, nenyanga yaba njengegazi, nenkwenkwezi zawa ngasemhlabeni, njengokuba umkiwane uvutulula amakiwane awo asebusika, wakungcangcazeliswa ngumoya omkulu.
ISITYHILELO 6:12-13 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ndabona, xa yalivulayo elesithandathu itywina, nanko, kubakho unyikimo lomhlaba olukhulu, lathi ilanga laba mnyama, njengengubo erhwexayo yoboya; yathi inyanga yaba njengegazi; zathi iinkwenkwezi zezulu zawela emhlabeni, njengokuba umkhiwane uvuthulula amakhiwane awo atshazileyo, wakuzanyazanyiswa ngumoya omkhulu.
ISITYHILELO 6:12-13 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ndalibona ke ngoku iXhwane liqhaqha uphawu lwesithandathu. Suka yazama-zamisa inyikima, ilanga lafaka ezokuzila lathi thsu, inyanga yona yajika yaligazi. Iinkwenkwezi zona zavuthulukela emhlabeni, zaxel' amakhiwane egeqwa sisaqhwithi.
ISITYHILELO 6:12-13 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ndabona, xa yalivulayo elesithandathu itywina, kwasuka kwabakho unyikimo lomhlaba olukhulu; Ilanga laba mnyama, njengengubo erhwexayo yoboya, nenyanga yaba njengegazi; Zathi iinkwenkwezi zezulu zawela emhlabeni, njengokuba umkhiwane uvuthulula amakhiwane awo avuthuzayo, wakuzanyazanyiswa ngumoya omkhulu.