Isityilo sika‐Johane 6
6
1NDAZA ndabona xeshekweni imvana yasinqikayo esinye kuzo izincamatiselo ezo, ndeva esinye kuzo izidalwa ezipilileyo zozine sisiti njengelizwi lodudumo: Yiza ukangele. 2Ndaza ndabona, kekaloku bona ke, ihashe elimhlope, nalowo uhleli pezu kwalo epete isipeta: kwaye kunikwa kuye isitsaba; wapuma ke esoyisa, nokuba oyise.
3Naxeshekweni yasinqikayo esesibini isincamatiselo, ndeva esesibini isidalwa esipilileyo sisiti: Yiza ukangele. 4Kwaza kwapuma elinye ihashe, libomvu: nakulowo uhleli pezu kwalo kwanikwa ukususa uxolo emhlabeni, nokuba babulalane; wanikwa ke isiṙele esikulu.
5Naxeshekweni yasinqikayo esesitatu isincamatiselo, ndeva esesitatu isidalwa esipilileyo sisiti: Yiza ukangele. Ndaza ndabona, kekaloku bona ke, ihashe elimnyama, nalowo uhleli pezu kwalo epete isilinganiselo esandleni sake. 6Ndaza ndeva ilizwi pakati kwazo izidalwa ezipilileyo zozine lisiti: Ibekile ibe nye yenqolowa ngedenari, nebekile zibe ntatu zeṙalasi ngedenari; uze ungenzakalisi ioli neveyine.
7Naxeshekweni yasinqikayo isincamatiselo sesine, ndeva ilizwi lesesine isidalwa esipilileyo lisiti: Yiza ukangele. 8Ndaza ndabona, kekaloku bona ke, ihashe elilubelu, nalowe uhleli pezu kwalo, igama lake lingu‐Kufa; kanjalo u‐Hadesi uyalandela naye. Kwaye kunikwa kubo igunya lokuba babulale, pezu kwesesine isiqingata somhlaba, ngeṙele, nangendlala, nangokufa, nangawo amar̔amncwa omhlaba.
9Naxeshekweni yasinqikayo esesihlanu isincamatiselo, ndayibona ngapantsi kwaso isibingelo imipefumlo yabo babebulewe ngenxa yelizwi likatixo, nangenxa yobunqi̔na abebepete bona. 10Baye bedanduluka ngelizwi elikulu, besiti: Kwoda kube ninina, Nkosi eyingcwele eyinyaniso! ungagwebi ungapindezeleli igazi letu kubo abemiyo pezu kwomhlaba? 11Kwaza kwanikwa kubo abanye ngabanye ingubo ezimhlope, kwatshiwo kubo ukuti mababe besapumla kube lixesha elincinane, bade bazalisekiswe inani labo nabo abazizicaka kunye nabo nabazalwana babo, abaya kubulawa kwa njengabo bona.
12Ndaza ndabona xeshekweni yasinqikayo isincamatiselo sesitandatu, kekaloku bona ke, kusuke kwabako isingcangcazelo esikulu somhlaba; lati ilanga laba mnyama njengentlakantlaka yoboya, nenyanga yaba njengegazi, 13nenkwenkwezi zawa ngasemhlabeni, njengokuba umkiwane uvutulula amakiwane awo asebusika, wakungcangcazeliswa ngumoya omkulu. 14Laza izulu lahluka njengencwadi yakusongwa; nazo zonke intaba neziqiti zakweleliswa ezindaweni zazo. 15Kanjako okumkani bomhlaba, nemiduna, nezityebi, nenkosiwaka, nabanamandla, nawo onke amakonza, nabo bonke abakululekileyo, bazifihlela emiqolombeni nasemaweni entaba: 16besitsho ezintabeni nasemaweni ukuti: Siweleni, nisifihle kubo ubuso balowo uhleli pezu kweterone, nakuwo umsindo wemvana; 17ngokuba ufikile umhla omkulu womsindo wayo; ngubanina ke ongemayo?
Currently Selected:
Isityilo sika‐Johane 6: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.