Isityilo sika‐Johane 7
7
1NASEMVENI kwezizinto ndabona ingelosi zane zimi emagumbini omane omhlaba, zibamba imimoya yomine yomhlaba, ukuze kungavuteli moya pezu kwomhlaba, napezu kwolwandle, napezu kwamnye umti.
2Ndaza ndabona enye ingelosi inyuka empumalanga, ipete isincamatiselo sotixo opilileyo: yadanduluka ke ngelizwi elikulu kuzo ingelosi zone, ekwanikwa kuzo ukwenzakalisa umhlaba nolwandle, 3isiti: Ningenzakalisi umhlaba, nolwandle, nemiti, side sincamatisele izicaka zotixo wetu pezu kwamabunzi azo.
4Ndaza ndeva inani labancanyatiselweyo: amawaka alikulu linamashumi mane anamawaka mane ngapandle ebencanyatiselwe kuzo zonke izizwe zosapo luka‐Sirayeli. 5Kuso isizwe sika‐Juda amawaka alishumi linamabini ebencanyatiselwe. Kuso isizwe sika‐Rubene amawaka alishumi linamabini ebencanyatiselwe. Kuso isizwe sika‐Gadi amawaka alishumi linamabini ebencanyatiselwe. 6Kuso isizwe sika‐Ashere amawaka alishumi linamabini ebencanyatiselwe. Kuso isizwe sika‐Nefatali amawaka alishumi linamabini ebencanyatiselwe. Kuso isizwe sika‐Manase amawaka alishumi linamabini ebencanyatiselwe. 7Kuso isizwe sika‐Simone amawaka alishumi linamabini ebencanyatiselwe. Kuso isizwe sika‐Levi amawaka alishumi linamabini ebencanyatiselwe. Kuso isizwe sika‐Yisakare amawaka alishumi linamabini ebencanyatiselwe. 8Kuso isizwe sika‐Zebulone amawaka alishumi linamabini ebencanyatiselwe. Kuso isizwe sika‐Josefe amawaka alishumi linamabini ebencanyatiselwe. Kuso isizwe sika‐Benjamine amawaka alishumi linamabini ebencanyatiselwe.
9Emveni kwoku ndabona, kekaloku bona ke, isihlwele esikulu, ekungeko namnye ongasibalayo, sivela kuzo zonke intlanga, nezizwe, nabantu, nenteto, bemi pambi kweterone napambi kwemvana, bezambete ingubo ezimhlope, benamagatya emiti yepalime ezandleni zabo; 10baye bedanduluka ngelizwi elikulu, besiti: Usindiso malube kuye utixo wetu ohleli pezu kweterone, nakuyo imvana. 11Zazibe zite zonke ingelosi zema zingqonga iterone, nabadala, nezidalwa ezipilileyo zozine, zawa pambi kwayo iterone ngobuso bazo, zabedesha utixo, 12zisiti: Amene. Makubeko umbongo, nodumo, nobulumko, nombulelo, nembeko, namandla, nobomelelo, kuye utixo wetu kude kube ngunapakade kanapakade. Amene.
13Waza wapendula omnye wakubo abadala abo, esiti kum: Aba bazambeteyo ingubo ezimhlope, bangobanina bona? bavela pina kanjalo? 14Ndaza ndatsho kuye ukuti: Nkosi! uyazi wena. Waza wati kum: Bona aba bangabavelayo kuleyo imbandezelo enkulu, abate bazihlanza ingubo zabo, bazenza mhlope egazini layo imvana. 15Bako ngenxa yoku pambi kweterone katixo, bamkonze emini nasebusuku etempileni yake: waye lowo uhleli pezu kwayo iterone eya kubakusela. 16Abasayi kuba salamba, abasayi kuba sanxanwa kanjako; kungababaleleli nelanga, nabunye ubushushu: 17ngokuba imvana epakati kwayo iterone iya kubalusa, ibakokele kuyoimitombo epilileyo yamanzi; waye utixo eya kusula zonke inyembezi emehlweni abo.
Currently Selected:
Isityilo sika‐Johane 7: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.