ISITYHILELO 6:14-15
ISITYHILELO 6:14-15 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Laza izulu lahluka njengencwadi yakusongwa; nazo zonke intaba neziqiti zakweleliswa ezindaweni zazo. Kanjako okumkani bomhlaba, nemiduna, nezityebi, nenkosiwaka, nabanamandla, nawo onke amakonza, nabo bonke abakululekileyo, bazifihlela emiqolombeni nasemaweni entaba
ISITYHILELO 6:14-15 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Lathi izulu lafingeka, njengencwadi esongiweyo; zathi iintaba zonke neziqithi zasuswa ezindaweni zazo. Bathi ookumkani bomhlaba, namanene, nezityebi, nabathetheli-waka, nabanamandla, namakhoboka onke, nabakhululekileyo bonke, bazifihla emiqolombeni nasemaweni eentaba.
ISITYHILELO 6:14-15 IBHAYIBHILE (XHO96)
Sona isibhakabhaka saphel' emehlweni, kwaba ngathi kusongwa umqulu, zonke iintaba neziqithi zanqukrulwa. Zasuka ke izikumkani zehlabathi, abasemagunyeni neengqwayi-ngqwayi zomkhosi, oozityebi nezinxiba-mxhaka, nalo lonke uluntu, oozicaka nabakhululekileyo, baya kuzímela emiqolombeni nasemiqhokrweni ezintabeni.
ISITYHILELO 6:14-15 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Lathi izulu lemka, njengencwadi esongwayo; zathi zonke iintaba neziqithi zashenxiswa ezindaweni zazo. Ke bona ookumkani bomhlaba, nezinhanha, nezityebi, nabaphathi-mikhosi, nabanamandla, nabakhonzi bonke, nabakhululekileyo, bazifihla emiqolombeni nasemaweni eentaba.