ISITYHILELO 8:10-11
ISITYHILELO 8:10-11 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Sathi esesithathu isithunywa savuthela ixilongo, kwawa ezulwini inkwenkwezi enkulu, ivutha njengesibane, yawa phezu kwesahlulo sesithathu semilambo, naphezu kwemithombo yamanzi. Igama lenkwenkwezi leyo kuthiwa nguMhlonyane; saza isahlulo sesithathu samanzi saba ngumhlonyane; yathi into eninzi yabantu yafa ngawo amanzi, ngokuba aba krakra.
ISITYHILELO 8:10-11 IBHAYIBHILE (XHO96)
Nesesithathu salivuthela elaso ixilongo. Kwathi qithi into enkulu yenkwenkwezi ezulwini, ivutha ililahle. Yawela phezu kwesiqingatha sesithathu semilambo nemithombo. Le nkwenkwezi kwakusithiwa ukubizwa kwayo nguKrakrayo. Saza ke isiqingatha sesithathu sawo onke amanzi saba krakra njengokrakrayo, kwafa inyambalala yabantu ngokuwasela.
ISITYHILELO 8:10-11 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Sathi esesithathu isithunywa savuthela ixilongo, kwawa inkwenkwezi enkulu ezulwini, ivutha ngathi sisibane, yawa phezu kwesahlulo sesithathu semilambo naphezu kwemithombo yamanzi. Igama lenkwenkwezi leyo kuthiwa nguMhlonyane; saza isahlulo sesithathu samanzi saba ngumhlonyane; into eninzi yabantu yafa ngawo amanzi, ngokuba aba krakra.
ISITYHILELO 8:10-11 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Yati eyesitatu ingelosi yahlokomisa; kwaza kwawa ezulwini inkwenkwezi enkulu ivuta njengesibane, yawa pezu kwesiqingata sesitatu sayo imilambo, napezu kwayo imitombo yamanzi; negama lenkwenkwezi leyo kutwa ngu‐Mhlonyane: saza isiqingata sesitatu sawo amanzi saba ngumhlonyane: bati abantu abaninzi bafa ngamanzi lawo, kuba enziwa ṙaṙa.