Esona Sigqibo siKhulu ngoBomi BakhoIsampulu
INgcamango yokuVala
Okokuba zange ukhe umamkele uYesu ebomini bakho, okanye okokuba wakha wamamkela ngaxesha lithile, kodwa akusamphileli ngoku, ungazinikela ngokutsha NAMHLANJE ngokwenza umthandazo olula ngentliziyo yakho enyanisekileyo. Loo mthandazo ungayinto ethi,
“Yesu ndiyazazi ukuba ndingumoni, kwaye nguwe wedwa onokunndikhulula kwisohlwayo sesono. Ndicela ukuba ungene ebomini bam kwaye undihlambulule kuzo zonke izono zam. Ndincede ndikuphilele kuwo onke amabakala obomi bam, yonke imihla yobomi bam. Ndiyabulela ngokungena ebomini bam nangokundikhulula!”
Okokuba lo mthandazo uwenze ngokunyanisekileyo, ukholelwa ukuba uYesu uza kuyenza into athe uza kuyenza, ulufumene usindiso kungoku, kwaye usijikile isiphelo sakho saphakade sokuba naye ngonaphakade! Sivuyisana nawe!
Okokuba wenze isigqibo sokulandela uKrestu, singathanda ukuva ukuba uthini, sikubonelele ngeminye imithandazo yokukunceda kuhambo lwakho olutsha. Nceda ukhethe isidibanisi esingezantsi.
Ndigqibe kwelokulandela uKrestu!
IsiBhalo
Malunga nesi Sicwangciso
Inkoliso yezigqibo ebomini zinokubaluleka okuthile. Kodwa, sinye kuphela esona sibalulekileyo. Okokuba ufuna isikhokelo esilula sokusiqonda nzulu esi sigqibo singaqhelekanga – isipho sasimahla sikaThixo sosindiso – qala apha ke.
More
Sithanda ukubulela Twenty20 Faith, Inc. ngokusinika esi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda undwendwele: https://www.twenty20faith.org/