Iziphumo zokukhangela

KWABASEFILIPI 4:13 (XHO75)

Ndinokuzenza izinto zonke, ndikulowo undomelezayo, uKristu.

KWABASEKORINTE II 12:9 (XHO75)

Ithe yona kum, Ubabalo lwam lukwanele; kuba amandla am azalisekiswa ekuswelekeni kwamandla. Ngoko kokukhona sendiya kuqhayisa kamnandi kakhulu ngokuswela kwam amandla, ukuze ahlale phezu kwam amandla kaKristu.

KWABASEKORINTE II 12:10 (XHO75)

Kungoko ndikholisiweyo kukuswela amandla, kukuphathwa kakubi, ziingxakeko, ziintshutshiso, ziingxinano, ngenxa kaKristu; kuba xa sukuba ndiswele amandla, kuxa ndinamandla.

UISAYA 40:29 (XHO75)

Umnika otyhafileyo amandla, ongenakomelela amandisele ukuqina.

UISAYA 40:30 (XHO75)

Namadodana angátyhafa adinwe, nabafana bakhubeke bawe;

UISAYA 40:31 (XHO75)

ke bona abathembele kuYehova baya kuhlaziyeka emandleni; banyuke ngamaphiko njengeenkozi. Baya kugidima bangadinwa, bahambe bangatyhafi.

IINDUMISO 18:1 (XHO75)

Ndikuthanda ngembilini yam, Yehova, lomelelo lwam.

KWABASE-EFESE 6:10 (XHO75)

Elokugqiba, bazalwana bam, ndithi, Yomelelani eNkosini, nasekuqineni kokomelela kwayo.

UMARKO 12:30 (XHO75)

uze uyithande ke iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela, nangamandla akho ephela. Nguwo lo ongaphambili umthetho.

UISAYA 41:10 (XHO75)

musa ukoyika, kuba ndinawe mna; musa ukubhekabheka, kuba ndinguThixo wakho; ndikukhaliphisile, ewe, ndikuncedile, ndikuxhasile ngesandla sam sokunene sobulungisa bam.

IDUTERONOMI 31:6 (XHO75)

Yomelelani nikhaliphe: musani ukoyika, musani ukungcangcazela ebusweni bazo. Ngokuba nguYehova uThixo wakho ohamba nawe; akayi kukuyekela, akayi kukushiya.

IINDUMISO 73:26 (XHO75)

Ingáphela inyama yam nentliziyo yam: Iliwa lentliziyo yam, nesabelo sam, nguThixo ngonaphakade.

IZIKRONIKE I 16:11 (XHO75)

Mfuneni uYehova namandla akhe, Ngxamelani ubuso bakhe ngamaxesha onke.

USAMUWELI II 22:33 (XHO75)

UloThixo uligwiba lam elinamandla, Umalathisayo ogqibeleleyo indlela yakhe;

IINDUMISO 28:7 (XHO75)

NguYehova amandla am nengweletshetshe yam; Yakholosa ngaye intliziyo yam, ndancedeka. Iyadlamka ke intliziyo yam, Ndiyamdumisa ngengoma yam.

UNEHEMIYA 8:10 (XHO75)

Wathi kubo, Yiyani, nidle amanqatha, nisele izinto ezinencasa, nise isabelo kwabangalungiselwanga nto; ngokuba le mini ingcwele kwiNkosi yethu. Musani ukuba buhlungu; ngokuba uvuyo lukaYehova ligwiba lenu.

IINDUMISO 68:34 (XHO75)

Mnikeni amandla uThixo; Buphezu koSirayeli ubungangamsha bakhe; Asesibhakabhakeni amandla akhe.

KUMAHEBHERE 11:34 (XHO75)

bacima amandla omlilo, basinda kwiintlangothi zekrele, bomelela ekubeni bebeswele amandla, baba ngamagorha emfazweni, bagxotha imikhosi yabasemzini.

KWABASEKORINTE I 15:56 (XHO75)

Ulwamvila lokufa sisono; amandla esono ngumthetho.

UYOBHI 12:16 (XHO75)

Anaye amandla nozimaso; Ngowakhe odungudelayo nodungudelisayo.

USAMUWELI I 2:4 (XHO75)

Izaphetha zamagorha zaphukile, Abakhubeki babhinqiswe amandla.

UYOSHUWA 14:11 (XHO75)

Ndisomelele nanamhla, kwanjengamini wandithumayo uMoses; njengoko ayenjalo amandla am oko, asenjalo nangoku amandla am okulwa, kwaawokuphuma nawokubuya.

IZILILO 3:18 (XHO75)

Ndathi, aphelile amandla am, nokulinda kwam kuYehova.

IMIZEKELISO 31:17 (XHO75)

Ubhinqa amandla emanqeni akhe, Ayomeleze imikhono yakhe.

IINDUMISO 77:14 (XHO75)

UnguloThixo, wenza ngokubalulekileyo; Wawazísa amandla akho ezizweni,