Iziphumo zokukhangela

UISAYA 53:5 (XHO75)

Kanti yena uhlatywe ngenxa yezikreqo zethu, watyunyuzwa ngenxa yezenzo zethu ezigwenxa; ubetho lokuba sibe noxolo thina lube luphezu kwakhe; siphiliswé ngemivumbo yakhe.

UMARKO 5:34 (XHO75)

Wathi ke kuyo, Ntombi yam, ukholo lwakho lukusindisile; hamba unoxolo, phila kweso sibetho sakho.

UYOHANE 5:8 (XHO75)

Athi uYesu kuye, Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uhambe.

EKAYAKOBI 5:14 (XHO75)

Kukho mntu na ufayo phakathi kwenu? Makabizele kuye amadoda amakhulu alo ibandla, athandaze wona phezu kwakhe, akuba emthambisile ngeoli, egameni leNkosi;

EKAYAKOBI 5:15 (XHO75)

wothi umthandazo wokholo umsindise lowo uleleyo, iNkosi imvuse; nokuba ubethe wenza izono, wozixolelwa.

EKAYAKOBI 5:16 (XHO75)

Xelelanani iziphoso, nithandazelane, ukuze niphiliswe. Sínamandla kakhulu isikhungo selungisa, siyeyisa.

KAPETROS I 2:24 (XHO75)

owathi ngokwakhe, izono zethu wazithwala ngomzimba wakhe emthini, ukuze sithi, sifile ngakwizono, siphilele ebulungiseni; omivumbo yakhe naphiliswa ngayo.

IZENZO 4:30 (XHO75)

ekusoluleni isandla sakho ukuba uphilise, nokuba kubekho imiqondiso nezimanga ngegama loMkhonzi wakho oyingcwele, uYesu.

IINDUMISO 103:3 (XHO75)

Uloxolela bonke ubugwenxa bakho; Ulophilisa zonke izifo zakho;

IINDUMISO 147:3 (XHO75)

Ulophilisa abaphuke intliziyo, Abophe amanxeba abo;

UYOBHI 5:18 (XHO75)

Kuba wénza buhlungu, abophe; Úyaphalusa, ziphilise izandla zakhe.

ULUKA 9:2 (XHO75)

Wabathuma ukuba babuvakalise ubukumkani bukaThixo, bayiphilise imilwelwe.

UMATEYU 4:23 (XHO75)

Waye uYesu elihamba lonke elaseGalili, efundisa ezindlwini zabo zesikhungu, evakalisa iindaba ezilungileyo zobukumkani, ephilisa izifo zonke nezikhuhlane zonke ebantwini.

UYEREMIYA 46:11 (XHO75)

Nyuka uye eGiliyadi, thabatha amafutha aqholiweyo, nkazanandini, ntombi iyiYiputa; ùfumana usandisa oomathunga; akunakubotshwa.

ABAGWEBI 6:4 (XHO75)

benyuka, bawafikela, bawangqinga, bayonakalisa indyebo yelizwe kwada kwaya eGaza, àbashiya nto idliwayo kwaSirayeli, nagusha, nankomo, naesile.

UEZRA 9:8 (XHO75)

Kaloku, ngokwephanyazo elincinane, kukho ubabalo oluvela kuYehova uThixo wethu, lokusishiyela abasindileyo, asinike isikhonkwane endaweni yengcwele yakhe, ukuze uThixo wethu awakhanyisele amehlo ethu, asisindise kancinane ebukhobokeni bethu.

UEZRA 9:9 (XHO75)

Ngokuba singamakhoboka; ke ebukhobokeni bethu akasishiyanga uThixo wethu; usithobele inceba phambi kookumkani basePersi, basisindisa, ukuba siphakamise indlu yoThixo wethu, silungise inxuwa layo, basibiyele uthango kwaYuda, naseYerusalem.

UYEREMIYA 14:19 (XHO75)

Ùmcekisé kwaphela na uYuda? Údimele na yiZiyon umphefumlo wakho? Yini na ukuba usibethe, singabi nakuphiliswa? Sithembé uxolo, akwabakho nto ilungileyo; sithembé ixesha lokuphiliswa, nanko ikukudandatheka.

UYEREMIYA 46:12 (XHO75)

Iintlanga zikuvile ukucukucezwa kwakho, ukukhala kwakho kwazalisa ihlabathi; ngokuba igorha likhubeka egorheni, omabini awa ndaweni-nye.

ABAGWEBI 6:3 (XHO75)

Kwathi, xa abehlwayele amaSirayeli, enyuka amaMidiyan, nama-Amaleki, nabasempumalanga;

UYEREMIYA 14:20 (XHO75)

Siyakwazi, Yehova, okungendawo kwethu, ubugwenxa boobawo; ngokuba sonile kuwe.

ABAGWEBI 6:5 (XHO75)

Ngokuba bebenyuka bona nemfuyo yabo, neentente zabo, beza bénjengeenkumbi ukuba baninzi, ababa nakubalwa, bona neenkamela zabo; balingena ilizwe ukuba balonakalise.

UYEREMIYA 46:10 (XHO75)

Le mini yeyeNkosi, uYehova wemikhosi; yimini yempindezelo, yokuphindezela kubabandezeli bakhe; lidle lihluthe ikrele, lisele lidikwe ligazi labo; ngokuba inombingelelo iNkosi, uYehova wemikhosi, ezweni lasentla, emlanjeni ongumEfrati.

UEZRA 9:10 (XHO75)

Singáthini na kaloku, Thixo wethu, emveni koko? Kuba siyishiyile imithetho yakho, owayiwisayo ngabakhonzi bakho abaprofeti, usithi,

UYEREMIYA 14:18 (XHO75)

Ukuba ndithe ndaphuma ndaya emaphandleni, nabó ababuleweyo likrele; ukuba ndithe ndangena kuwo umzi, nabó abáfa yindlala; ngokuba umprofeti kwanombingeleli bayaquleka ezweni abangalaziyo.