Iziphumo zokukhangela
UYOHANE 1:4 (XHO75)
Kuye kwakukho ubomi, baye ubomi obo bulukhanyiselo lwabantu.
KUMAGALATI 2:20 (XHO75)
Ndìbethelelwe emnqamlezweni noKristu; ayisendim ke odla ubomi, nguKristu ke oselesidla ubomi kum. Ubomi ke endibudlayo ngoku, ndisenyameni, ndibudlela ekukholweni kuNyana kaThixo, owandithandayo, wazinikela ngenxa yam.
KAYOHANE I 5:12 (XHO75)
Lowo unaye uNyana, unabo ubomi; lowo ungenaye uNyana kaThixo, akanabo ubomi.
UHOSEYA 6:2 (XHO75)
Wosidlisa ubomi, kwakuba ntsuku mbini; wosiphakamisa ngolwesithathu, sidle ubomi phambi kwakhe.
UYOHANE 5:21 (XHO75)
Kuba, njengoko uYise abavusayo abafileyo, abadlise ubomi, kwangokunjalo noNyana ubadlisa ubomi abo athandayo.
KWABASEKORINTE II 5:15 (XHO75)
wabafela ke bonke, ukuze abo badla ubomi bangabi sazidlela ubomi, babudlele owafayo wavuka ngenxa yabo.
UYOHANE 11:25 (XHO75)
Wathi uYesu kuye, Ndim uvuko, ndim ubomi; lowo ukholwayo kum, nokuba ubethé wafa, wodla ubomi.
IEKSODUS 22:18 (XHO75)
Umkhafulikazi uze ungamyeki adle ubomi.
KWABASEKORINTE I 15:45 (XHO75)
Ngokunjalo kubhaliwe kwathiwa , Owokuqala umntu uAdam waba ngumphefumlo odla ubomi; owokugqibela uAdam waba ngumoya odlisa ubomi.
KAYOHANE I 3:16 (XHO75)
Ngale nto silwazile uthando, kuba yena wasincamela ubomi bakhe; nathi ke sifanele ukubancamela abazalwana ubomi bethu.
USAMUWELI II 16:16 (XHO75)
Kwathi, akufika uHushayi waseArki, umhlobo kaDavide, kuAbhisalom, wathi uHushayi kuAbhisalom, Makadle ubomi ukumkani, makadle ubomi ukumkani.
UISAYA 38:16 (XHO75)
Nkosi yam, babuya baphile zezo zinto abantu, Bukuzo kanye ubomi bomoya wam: Wòndiphilisa ke, ndídlise ubomi.
ULUKA 12:23 (XHO75)
Ubomi bukhulu kunokudla, nomzimba kunento yokwambatha.
UYOHANE 14:19 (XHO75)
Liselilifutshane ixesha, ukuze ihlabathi lingabi sandibona; ke nina niyandibona; ngokuba ndisidla ubomi mna, nani niya kudla ubomi.
IGENESIS 23:1 (XHO75)
Ke kaloku ukudla ubomi kukaSara kwaba yiminyaka elikhulu elinamanci mabini aneminyaka esixhenxe; yiyo iminyaka yokudla ubomi kukaSara.
UHEZEKILE 7:13 (XHO75)
Ngokuba othengisayo akayi kubuyela entweni abethengise ngayo, nokuba ubesadla ubomi phakathi kwabadla ubomi; ngokuba umbono ongéngxokolo yonke yakhona awuyi kubuya umva; kungàbikho bani ubomelezayo ubomi bakhe ebugwenxeni bakhe.
KWABASE-EFESE 2:1 (XHO75)
Nani unidlise ubomi , nifile nje ziziphoso nazizono;
KUMAGALATI 5:25 (XHO75)
Ukuba sidla ubomi ngokoMoya, masihambe nokuhamba kwangokoMoya.
UYOBHI 33:4 (XHO75)
UMoya kaThix wandenza, Nokuphefumla kukaSomandla kundidlise ubomi.
IZILILO 3:53 (XHO75)
Zibubhangisile ubomi bam ngokundeyelisela emhadini, zandigibisela ngamatye.
IMIZEKELISO 12:28 (XHO75)
Busemendweni wobulungisa ubomi; Ukuyinyathela indlela yabo kukungafi.
IMIZEKELISO 21:21 (XHO75)
Ophuthuma ubulungisa nenceba Wofumana ubomi nobulungisa nozuko.
UYOBHI 9:21 (XHO75)
Ndigqibelele; àndiwukhathalele umphefumlo wam; Ndiyabucekisa ubomi bam.
IDUTERONOMI 30:19 (XHO75)
Ndingqinisisa amazulu nehlabathi namhla ngani; ndibeké phambi kwenu ubomi nokufa, intsikelelo nesiqalekiso. Nyula ke ubomi, ukuze uphile, wena nembewu yakho;
KWABASEFILIPI 1:21 (XHO75)
Kuba kum mna, ukudla ubomi kunguKristu, ukufa kuyinzuzo.