Iziphumo zokukhangela

KWABASE-EFESE 2:8 (XHO75)

Kuba nisindiswe ngokubabalwa nangalo ukholo; nako oko kungaphumi kuni, kusisipho sikaThixo;

KUMAHEBHERE 11:1 (XHO75)

Ukholo ke kukukholosa ngezinto ezithenjiweyo; kukweyiseka bubukho bezinto ezingabonwayo.

KUMAHEBHERE 11:3 (XHO75)

Ngokholo siyaqonda ukuba indalo le yonke yenziwe yabakho ngelizwi likaThixo, ukuze izinto ezi zibonwayo zibe aziphume kwezibonakalayo.

KUMAHEBHERE 11:6 (XHO75)

Ke, lungekho ukholo, akunakubakho ukumkholisa kakuhle; kuba lowo uzayo kuThixo, umelwe kukukholwa ukuba ukho, nokuba ungumvuzi wabo bamfunayo.

UYOHANE 3:16 (XHO75)

Kuba wenjenje uThixo ukulithanda kwakhe ihlabathi, ude wancama uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze bonke abakholwayo kuye bangatshabalali, koko babe nobomi obungunaphakade.

UMATEYU 21:21 (XHO75)

Waphendula ke uYesu wathi kubo, Inene, ndithi kuni, ukuba nithe nanokholo, anathandabuza, anisayi kwenza le nto yomkhiwane yodwa; kosuka, nokuba nithe kule ntaba, Thabatheka uphoseke elwandle, kwenzeke.

KUMAGALATI 2:16 (XHO75)

sisazi nje ukuba akagwetyelwa umntu ngokwasemisebenzini yomthetho, kuphela kungokukholwa kuYesu Kristu: sithe ke nathi aba sakholwa kuKristu Yesu, ukuze sigwetyelwe ngokwasekukholweni kuKristu, kungabi ngokwasemisebenzini yomthetho; ngokokuba akuyi kugwetyelwa mntu ngokwasemisebenzini yomthetho.

KWABASEROMA 8:28 (XHO75)

Siyazi ke ukuba zonke izinto zisebenziselana okulungileyo kwabo bamthandayo uThixo, kwababiziweyo ngokwengqibo yakhe.

KUMAHEBHERE 12:2 (XHO75)

sise amehlo kuyo iMbangi noMgqibelelisi wokholo lwethu, uYesu, owathi, ngenxa yovuyo olwalubekwe phambi kwakhe, wawunyamezela umnqamlezo, elidelile ihlazo, waza wahlala phantsi ngasekunene kwetrone kaThixo.

UMATEYU 17:20 (XHO75)

Wathi ke uYesu kubo, Bekungenxa yokungakholwa kwenu; kuba inene ndithi kuni, Beningáthi, ninokholo olunjengokhozo lwemostade, nithi kule ntaba, Suka apha uye phaya, isuke, kungabikho nto iya kuninqabela.

EKAYAKOBI 1:3 (XHO75)

nisazi nje ukuba ucikido lokholo lwenu lusebenza umonde.

EKAYAKOBI 2:17 (XHO75)

Ngokunjalo nalo ukholo, ukuba luthi lungabi namisebenzi, lufile ngokukokwalo.

EKAYAKOBI 2:22 (XHO75)

Ùyabona ukuba ukholo lwalusebenzisana nemisebenzi yakhe, lwênziwa wagqibelela ukholo ngokwasemisebenzini?

KUTIMOTI I 5:12 (XHO75)

benesigwebo sokuba balutshitshisile ukholo lokuqala.

ULUKA 17:5 (XHO75)

Abapostile• bathi eNkosini, Songezelele ukholo.

KWABASE-EFESE 3:17 (XHO75)

ukuba uKristu ahlale ngalo ukholo ezintliziyweni zenu, néndele

KUTIMOTI II 4:7 (XHO75)

Umzamo omhle ndiwuzamile, ugqatso ndilufezile, ukholo ndilugcinile.

ULUKA 17:19 (XHO75)

Wathi kuye, Vuka, uhambe; ukholo lwakho lukusindisile.

EKAYAKOBI 2:18 (XHO75)

Wosuka omnye, athi, Wena unokholo, ke mna ndinemisebenzi; ndibonise ukholo lwakho olungenamisebenzi yakho; nam ndokubonisa ngokwasemisebenzini yam ukholo lwam.

KUMAGALATI 3:25 (XHO75)

Lwakuba lufikile ke ukholo, asibi saba phantsi kwamkhapheli.

KWABASE-EFESE 4:5 (XHO75)

Inye iNkosi, lunye ukholo, lunye ubhaptizo, mnye uThixo,

ULUKA 7:50 (XHO75)

Uthe ke kumfazi, Ukholo lwakho lukusindisile, hamba ngoxolo.

ULUKA 18:42 (XHO75)

UYesu wathi kuyo, Buya ubone; ukholo lwakho lukusindisile.

KWABASEKORINTE I 2:5 (XHO75)

ukuze ukholo lwenu lungabi sebulumkweni babantu, lube semandleni kaThixo.

KWABASETESALONIKA II 3:2 (XHO75)

nokuba sihlangùlwe ebantwini abangendawo, abakhohlakeleyo; kuba ukholo alubantwini bonke.