Iziphumo zokukhangela
IGENESIS 2:24 (XHO75)
Ngenxa yoko indoda yomshiya uyise nonina, inamathele kumkayo, babe nyama-nye ke.
KWABASE-EFESE 5:33 (XHO75)
Kodwa ke manithi nani ngabanye, elowo amthande umkakhe, njengoko azithanda ngako; umfazi ke makayoyike indoda.
KWABASE-EFESE 5:25 (XHO75)
Nina madoda, bathandeni abafazi benu, njengokuba naye uKristu walithandayo ibandla, wazinikela ngenxa yalo;
KWABASE-EFESE 5:22 (XHO75)
Nina bafazi, walulameleni awenu amadoda, ngokokululamela iNkosi;
KWABASE-EFESE 5:23 (XHO75)
ngokuba indoda le iyintloko yomfazi, njengokuba naye uKristu eyintloko yebandla eli; waye yena ngokwakhe enguMsindisi wawo umzimba.
KWABASE-EFESE 5:28 (XHO75)
Ngoko amelwe amadoda ukubathanda abawo abafazi, njengokuba beyimizimba yawo. Lowo umthandayo umkakhe, uyazithanda;
IMIZEKELISO 18:22 (XHO75)
Othe wafumana umfazi, ufumene okulungileyo; Uzuzé okulikholo kuYehova.
UMATEYU 19:4 (XHO75)
Uphendule ke wathi kubo, Anilesanga na ukuba owadalayo kwasekuqalekeni wabadala bayindoda nenkazana, wathi,
UMATEYU 19:5 (XHO75)
Ngenxa yoko umntu womshiya uyise nonina, anamathele emfazini wakhe, baze abo babini babe nyama-nye?
UMATEYU 19:6 (XHO75)
Ngako oko abasebabini, banyama-nye; oko ke ngoko uThixo akumanyileyo, makungahlulwa mntu.
UMARKO 10:8 (XHO75)
baze abo babini babe nyama-nye. Ngako oko, àbasebabini, banyama-nye.
UMARKO 10:9 (XHO75)
Oko ke ngoko uThixo akumanyileyo, makungahlulwa mntu.
KUMAHEBHERE 13:4 (XHO75)
Umtshato mawubekeke ngeendlela zonke, nesilili masingadyojwa; ke abenza umbulo nabakrexezi, uThixo uya kubagweba.
UMATEYU 22:2 (XHO75)
Ubukumkani bamazulu bufanekiswa nomntu ongukumkani, owamenzela umsitho unyana wakhe.
UYOHANE 2:1 (XHO75)
Kuthe ngomhla wesithathu, kwabakho umsitho eKana yelaseGalili; waye unina kaYesu ekhona.
UMATEYU 22:8 (XHO75)
Aze athi kubakhonzi bakhe, Umsitho okunene sewulungile wona, kodwa abamenyiweyo bebengafanelekile.
IGENESIS 29:22 (XHO75)
Wawahlanganisa uLabhan onke amadoda aloo ndawo, wenza umsitho.
UMARKO 10:4 (XHO75)
Bathi bona, UMoses wakuvumela ukubhala incwadi yokwahlukana, nokumala.
ISITYHILELO 19:7 (XHO75)
Masivuye sigcobe, siyizukise; Ngokuba ufikile umsitho weMvana, Umfazi wayo uzilungisile.
IZIKRONIKE I 8:8 (XHO75)
UShaharayim wazala emhlabeni wakwaMowabhi, emveni kokubandulula wakhe ooHushim noBhahara, abafazi bakhe;
ILEVITIKUS 21:14 (XHO75)
Umhlolokazi, nowaliweyo, nohlanjelweyo olihenyukazi, abo makangabazeki; wozeka intombi yodwa yasebantwini bakowabo, ibe ngumfazi;
UMATEYU 19:7 (XHO75)
Bathi kuye, Phofu ibiyini na ukuba uMoses awise umthetho wokuthi, makamnike incwadi yokwahlukana, amale?
UEZRA 10:19 (XHO75)
Banika isandla sabo, ukuba bobakhupha abafazi babo; bathi, benetyala nje, bakhuphe inkunzi yasempahleni emfutshane ngenxa yetyala labo;
KUTIMOTI I 4:3 (XHO75)
bengavumi ukuba kuzekwe, nokuba kudliwe izinto ezadalwa nguThixo, ukuze zamkelwe ngombulelo ngabo bakholwayo, bayaziyo inyaniso.
ILEVITIKUS 21:7 (XHO75)
Makangazeki mfazi ulihenyukazi, nohlanjelweyo; angazeki mfazi waliweyo yindoda yakhe; ngokuba ungcwele kuThixo wakhe.