I‐Genesise 13
13
1WAZA u‐Abrame wenyuka e‐Jipete, yena, nomfazi wake, nako konke abenako, enaye no‐Lote, ukuya ngasesuyide. 2Wayetyebile kakulu u‐Abrame lowo, ngenkomo, nangesilivere, nangegolide. 3Wahamba ngemfuduko zake, esuka esuyide, esiya kude kwase‐Betele, kuleyondawo apo yabiko intente yake kona ekuqaleni, pakati kwe‐Betele ne‐Hahai; 4kwa sendaweni yesibingelo, eso wasenzela kona ngapambili; waye u‐Abrame wabiza apo egameni likayehova.
5No‐Lote, lo obehamba no‐Abrame, waenazo izimvu, nenkomo, nentente, naye. 6Kekaloku elozwe lalingenako ukubatwala, kuze kuhlalelwane ndawonye; ngokuba imfuyo yabo ibinkulu, kude bakohlwe kukuhlala ndawonye. 7Kwaye kusuka ipike pakati kwabalusi benkomo zika‐Abrame nabalusi benkomo zika‐Lote. Bahlala aba‐Kanane nama‐Perizi kwelozwe oko. 8Waza wati u‐Abrame ku‐Lote: Makekungabiko impikisano pakati kwam nawe, napakati kwabalusi bam nabalusi bako; ngokuba singabazalwana tina. 9Asi lilo ilizwe lonke elipambi kwako na? uze wahlukane nam: ukuba uya ngasekohlo, ndojikela ngasekunene; ukuba kanti uya ngasekunene, ndojikela ngasekohlo.
10Waza u‐Lote wapakamisa amehlo ake, wabona lonke itafa lase‐Yoredane, ukuba lilizwe elikolisa ukucenceshwa indawo zonke; elalite, engekatshabalalisi uyehova i‐Sodome ne‐Gomora, lanjengomyezo kayehova, nanjengelizwe le‐Jipete, kude kwaziwa e‐Tsohare. 11Wandula u‐Lote waziqashela lonke itafa lase‐Yoredane; wasuka u‐Lote wahambela ngasempumalanga: baza bahluka omnye kwomnye. 12Wahlala u‐Abrame elizweni le‐Kanane; wati u‐Lote wahlala ezixekweni zasetafeni, wamisa intente ngase‐Sodome. 13Kodwa abantu base‐Sodome bebengabakohlakeleyo, abagqitisa ukwona ngapambi kwake uyehova.
14Wayesiti uyehova ku‐Abrame, emveni kwokuba u‐Lote ube wahlukene naye: Zuwapakamise amehlo ako, ukangele kwa kulondawo apo ukona, ngasenode, nangasesuyide, nangasempumalanga, nangasentshonalanga: 15ngokuba lonke ilizwe ulibonayo, ndiya kulinika kuwe, nakwinzalo yako, kude kube ngunapakade. 16Ndandiya kuyenza inzalo yako njengotuli lwomhlaba; kwoda kuti, nxa angabala umntu utuli lwomhlaba, kwandule ukubalwa nenzalo yako. 17Suka, ucande ilizwe ebudeni balo nasebubanzini balo; ngokuba ndiya kukupa lona.
18Waza wafudusa intente u‐Abrame, weza wahlala ngasesiyekeni sika‐Mamre, esikufupi ne‐Hebrone, wakela kona isibingelo kuyehova.
Àwon tá yàn lọ́wọ́lọ́wọ́ báyìí:
I‐Genesise 13: XHO1902A
Ìsàmì-sí
Pín
Daako
Ṣé o fẹ́ fi àwọn ohun pàtàkì pamọ́ sórí gbogbo àwọn ẹ̀rọ rẹ? Wọlé pẹ̀lú àkántì tuntun tàbí wọlé pẹ̀lú àkántì tí tẹ́lẹ̀
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: