1
U‐Yisaya 60:1
Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard)
PAKAMA, kanya, ngokuba ukukanya kwako kufikile, nobungcwalisa BUKAYEHOVA bupumile pezu kwako.
Compare
Explore U‐Yisaya 60:1
2
U‐Yisaya 60:3
Babeya kuza abaheyideni ekukanyeni kwako, nokumkani ekukazimleni kwokupuma kwako.
Explore U‐Yisaya 60:3
3
U‐Yisaya 60:2
Ngokuba, bona ke, ubumnyama bogubungela umhlaba, nesitokotoko abantu; kodwa pezu kwako UYEHOVA uya kupuma, nobungcwalisa bake bobonakala pezu kwako.
Explore U‐Yisaya 60:2
4
U‐Yisaya 60:22
Omncinane woba liwaka, nomkudlwana woba sisizwe esinamandla. Mna YEHOVA ndokukaulezisa oku exesheni lako.
Explore U‐Yisaya 60:22
5
U‐Yisaya 60:19
Ilanga aliyi kubuya libe sisikanyiso kuwe ngemini; kanjalo inyanga ayiyi kukukanyisa ngenkazimlo; ngokuba UYEHOVA eya kuba sisikanyiso esingunapakade kuwe, NOTIXO wako woba bubuhle bako.
Explore U‐Yisaya 60:19
6
U‐Yisaya 60:20
Ilanga lako aliyi kubuya litshone, nenyanga yako ayiyi kuselwa; ngokuba UYEHOVA eya kuba sisikanyiso esingunapakade kuwe, iti imihla yokulila kwako ibe nokupela.
Explore U‐Yisaya 60:20
7
U‐Yisaya 60:5
Oko uya kukangela, ukanyiswe ke; intliziyo yako iya kuntontoza, yande; ngokuba ubuninzi bolwandle buya kuguqulelwa kuwe, ubutyebi babaheyideni bofika kuwe.
Explore U‐Yisaya 60:5
8
U‐Yisaya 60:4
Pakamisa amehlo ako ngento engqongayo, ukangele; bona bonke bayazihlanganisa, bayeza kuwe: onyana bako bovela kwa kude, nentombi zako ziya kubelekwa ecaleni.
Explore U‐Yisaya 60:4
9
U‐Yisaya 60:21
Nabantu bako, bona bonke boba ngabalungileyo; bolidla ilifa lelizwe ngonapakade; isebe lokutyala kwam, umsebenzi wezandla zam, ukuba ndenzelwe ubungcwalisa.
Explore U‐Yisaya 60:21
10
U‐Yisaya 60:18
Ubudlwengu abuyi kubuya buviwe elizweni lako, kwa nocitakalo notshabalalo pakati kwemida yako; koko uya kubiza indonga zako ngokuti lusindiso, namasango ako ngokuti ludumiso.
Explore U‐Yisaya 60:18
11
U‐Yisaya 60:11
Ngako amasango ako oba evulekile futi; emini nasebusuku akayi kuvalwa; kuze kungeniswe kuwe ubutyebi babaheyideni, nokumkani babo baqoqoziselwe kuwe.
Explore U‐Yisaya 60:11
12
U‐Yisaya 60:6
Ingxokolo yenkamela yokugubungela, inkamela ezintsha zase‐Midiyane ne‐Hefa; ezase‐Sheba ziya kuza zonke; igolide nentlakamhlope zozitwala, nendunyiswa ZIKAYEHOVA ziya kuzishumayela.
Explore U‐Yisaya 60:6
13
U‐Yisaya 60:10
Kanjalo abasemzini baya kwaka indonga zako, nokumkani babo bokukonza; ngokuba ngomsindo wam ndikubetile, kodwa ngembuko yam ndoba nezibele kuwe.
Explore U‐Yisaya 60:10
14
U‐Yisaya 60:15
Ekubeni ubushiyiwe watiywa, kwada akwabiko mntu obecanda kuwe, sendiya kukwenza indluliselo engunapakade, uvuyiso lwezizukulwana ngezizukulwana.
Explore U‐Yisaya 60:15
15
U‐Yisaya 60:16
Wauya kwanya amasi abaheyideni; ewe, ibele labo okumkani uya kulanya; wauya kwazi ukuba mna YEHOVA ndingumsindisi wako, nomkululi wako, usomandla ka‐Yakobi.
Explore U‐Yisaya 60:16
Home
Bible
Plans
Videos