1
INTSHUMAYELI 2:26
IZIBHALO EZINGCWELE
Ngokuba umntu olungileyo phambi kwakhe umnika ubulumko nokwazi novuyo; ke yena umoni umnika umzamo wokuhlanganisa nokuqweba, ukuze loo nto ayinike olungileyo phambi koThixo. Kwanaloo nto ingamampunge nokusukelana nomoya.
Thelekisa
Phonononga INTSHUMAYELI 2:26
2
INTSHUMAYELI 2:24-25
Akukho nto ilungileyo ebantwini kunokuba badle, basele, bawubonise umphefumlo wabo okulungileyo emigudwini yabo. Kwanaloo nto ndiyibonile, ukuba ivela esandleni sikaThixo. Ngokuba ngubani na ongádlayo, ngubani na ongávayo ubumnandi, engenaye?
Phonononga INTSHUMAYELI 2:24-25
3
INTSHUMAYELI 2:11
Ndabheka mna ezenzweni zam zonke, ezazenzáyo izandla zam, nasemigudwini yam endaphuka yiyo ukuyenza; ndayibona ukuba yonke loo nto ingamampunge nokusukelana nomoya; akukho lungelo phantsi kwelanga.
Phonononga INTSHUMAYELI 2:11
4
INTSHUMAYELI 2:10
Andiwabandezanga into yonke ayibizayo amehlo am; andiyivimbanga intliziyo yam namnye umvuyo; ngokuba intliziyo yam yayivuya emigudwini yam yonke, saba sesi ke isabelo sam emigudwini yam yonke.
Phonononga INTSHUMAYELI 2:10
5
INTSHUMAYELI 2:13
Ndabona ukuba ubulumko buyabugqitha ubuyatha, njengokuba ukukhanya kubugqitha ubumnyama.
Phonononga INTSHUMAYELI 2:13
6
INTSHUMAYELI 2:14
Isilumko, amehlo aso asentlokweni yaso; ke sona isinyabi sihamba emnyameni. Ndaqonda ke mna ukuba bonke bephela bahlelwa sihlo sinye.
Phonononga INTSHUMAYELI 2:14
7
INTSHUMAYELI 2:21
Ngokuba kubakho umntu omigudu yakhe inobulumko, inokwazi, inempumelelo; ukanti uya kuyinika umntu ongenzanga migudu, ibe sisabelo sakhe; kwanaloo nto ingamampunge nobubi obukhulu.
Phonononga INTSHUMAYELI 2:21
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo