1
UYOHANE 14:27
IZIBHALO EZINGCWELE
Ndishiya uxolo kuni; ndininika uxolo lwam; andininiki njengokunika kwehlabathi. Mayingakhathazeki intliziyo yenu, mayingabi nabugwala.
Thelekisa
Phonononga UYOHANE 14:27
2
UYOHANE 14:6
Uthi uYesu kuye, Ndim indlela, ndim inyaniso, ndim ubomi; akukho namnye uzayo kuBawo, engezi ngam.
Phonononga UYOHANE 14:6
3
UYOHANE 14:1
Intliziyo yenu mayingakhathazeki; kholwani kuThixo, nikholwe nakum.
Phonononga UYOHANE 14:1
4
UYOHANE 14:26
Ke uMthetheleli, uMoya oyiNgcwele, aya kumthuma uBawo egameni lam, yena uya kunifundisa zonke izinto, anikhumbuze zonke izinto endizithethe kuni.
Phonononga UYOHANE 14:26
5
UYOHANE 14:21
Lowo unayo imithetho yam ayigcine, nguye ondithandayo; lowo ke undithandayo, uya kuthandwa nguBawo; nam ndiya kumthanda, ndizibonakalalise kuye.
Phonononga UYOHANE 14:21
6
UYOHANE 14:16-17
Mna ndiya kucela kuBawo, aze aninike omnye uMthetheleli, ukuze ahlale nani ngonaphakade: uMoya wenyaniso, lowo lingenako ihlabathi ukumamkela, ngokuba lingamboni, lingamazi nokumazi. Nina ke niyamazi; ngokuba uhleli nani, kanjalo uya kuba kuni.
Phonononga UYOHANE 14:16-17
7
UYOHANE 14:13-14
Nento enithe nayicela egameni lam, ndoyenza yona, ukuze uYise azukiswe ngoNyana. Ukuba nithe nacela into ngegama lam, ndoyenza mna.
Phonononga UYOHANE 14:13-14
8
UYOHANE 14:15
Ukuba niyandithanda, yigcineni imithetho yam.
Phonononga UYOHANE 14:15
9
UYOHANE 14:2
Endlwini kaBawo zininzi iindawo zokuhlala; ukuba bekungenjalo, ngendanixelelayo. Ndiyemka, ndiya kunilungisela indawo
Phonononga UYOHANE 14:2
10
UYOHANE 14:3
ukuba ke ndimkile ndaya kunilungisela indawo, ndiya kubuya ndize, ndinamkelele kum ngokwam; ukuze apho ndikhona mna, nibe khona nani.
Phonononga UYOHANE 14:3
11
UYOHANE 14:5
Uthi uTomas kuye, Nkosi, asazi apho uya khona; singáthini na ke ukuyazi indlela?
Phonononga UYOHANE 14:5
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo