1
1 YOOKUMKANI 3:9
IBHAYIBHILE
Ngoko ke mna sicaka sakho ndiphe intliziyo enobulumko, ukuze ndikwazi ukubalawula abantu bakho, ndiwazi umahluko phakathi kokulungileyo nokubi. Kaloku akakho umntu onganako ukuyilawula le ndimbane yaba bantu bakho.”
Thelekisa
Phonononga 1 YOOKUMKANI 3:9
2
1 YOOKUMKANI 3:12
ke mna ke ndiza kukunika ngokwesicelo sakho. Ewe, ndiza kukupha intliziyo enobulumko nengqiqo ukuze ube yimbalasane kubo bonke abantu, kungaze kubekho mntu ufana nawe kwabaphile ngaphambi kwakho nabaya kulandela emva kwakho.
Phonononga 1 YOOKUMKANI 3:12
3
1 YOOKUMKANI 3:11
Ngoko ke uThixo wathi kuye: “Ngenxa yokuba ucele ngolu hlobo, awazicelela ubomi obude okanye ubutyebi, awucelanga nokuba kubulawe iintshaba zakho, koko ucele ubuchule bokuthetha amatyala ngobulungisa
Phonononga 1 YOOKUMKANI 3:11
4
1 YOOKUMKANI 3:13
Ngaphezulu ke ndiza kukunika nezo zinto ungazicelanga – ubutyebi nesihomo – ukuze ebomini bakho bonke ungabi nantanga kubo bonke ookumkani.
Phonononga 1 YOOKUMKANI 3:13
5
1 YOOKUMKANI 3:14
Ukuba ke uthe wahamba ngeendlela zam, wayithobela imimiselo nemithetho yam njengoDavide uyihlo, ndokuthi jize ngobomi obude.”
Phonononga 1 YOOKUMKANI 3:14
6
1 YOOKUMKANI 3:5
Ke kaloku apho eGibheyon uNdikhoyo wabonakala kuSolomon ephupheni ebusuku, wathetha wenjenje: “Cela nantoni na ofuna ndikuphe yona.”
Phonononga 1 YOOKUMKANI 3:5
7
1 YOOKUMKANI 3:7
Ngoko ke ngoku, Ndikhoyo Thixo wam, isicaka sakho esi usenze ukumkani, wandibeka endaweni kabawo uDavide. Kambe ke bendingubani na, ndiyimveku engazi nto nje! Ewe, andazi nendlela endingawuqhuba ngayo lo msebenzi wam.
Phonononga 1 YOOKUMKANI 3:7
8
1 YOOKUMKANI 3:10
Ke kaloku iNkosi yakholiswa sesi sicelo sikaSolomon.
Phonononga 1 YOOKUMKANI 3:10
9
1 YOOKUMKANI 3:6
USolomon waphendula wathi: “Wena wasenzela ububele obukhulu isicaka sakho ubawo uDavide, ngenxa yokuba wayethembekile kuwe elilungisa, umfo ontliziyo ithe tse. Ezo zibele zakho ke uziqhubele phambili kwada kwanamhlanje, kuba umnike unyana ukuze achophe esihlalweni sakhe.
Phonononga 1 YOOKUMKANI 3:6
10
1 YOOKUMKANI 3:8
Ewe, isicaka sakho esi siphakathi kwabantu obanyulileyo, ihlokondiba labantu abayinyambalala engenakubalwa.
Phonononga 1 YOOKUMKANI 3:8
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo