1
UHEZEKILE 4:4-5
IBHAYIBHILE
XHO96
“Ngoku ke ngqengqa ngecala lasekhohlo, ube ngokwenjenjalo usithabathele kuwe isono sendlu kaSirayeli. Esi sono ke siya kuba sesakho zonke iintsuku ulele ngecala. Ndikusikele iintsuku ezinani lilingana nenani leminyaka yokreqo lwendlu kaSirayeli. Ngoko ke uya kusithwala isono sayo iintsuku ezingamakhulu amathathu namashumi alithoba.
Thelekisa
Phonononga UHEZEKILE 4:4-5
2
UHEZEKILE 4:6
“Wakuba ukufezile oku, uze uphinde ungqengqe, kodwa ngoku ngecala lasekunene, ube ngokwenjenjalo usithabathela kuwe isono sendlu kaJuda. Ndikusikele iintsuku ezingamashumi amane; usuku ngalunye lumele unyaka.
Phonononga UHEZEKILE 4:6
3
UHEZEKILE 4:9
“Thatha ingqolowa nerhasi, iimbotyi neelentile, imíleti nespeliti, uzigcine engqayini ukuze wenze ukutya ngazo. Uya kutya oku kutya ngeentsuku ezingamakhulu amathathu namashumi alithoba ulele ngecala.
Phonononga UHEZEKILE 4:9