1
Eyesibini ka‐Samyali 18:33
Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard)
XHO1902A
Wandula ukumkani wabetwa lusizi, wenyuka waya enkambilini epezulu kwesango, walila; wayesitsho ekuyeni kwake ukuti: Nyana wam Abasalome, nyana wam, nyana wam Abasalome! akwaba ndabendifile esikundleni sako, Abasalome, nyana wam, nyana wam!
Thelekisa
Phonononga Eyesibini ka‐Samyali 18:33
2
Eyesibini ka‐Samyali 18:9-10
Wahla u‐Abasalome wahlangana nezicaka zika‐Davide: kekaloku u‐Abasalome wakwela pezu kweqwaṙaṙa; lati lakufika iqwaṙaṙa pantsi kwamasebe apingeleleneyo omkoba omkulu, yandula intloko yake yabambeka emkobeni, wabekwa pakati kwezulu nomhlaba; laye iqwaṙaṙa elipantsi kwake ladlula. Yaza indoda etile yabona oko, yamxelela u‐Jowabi, yati: Bona ke, ndibonile u‐Abasalome exo̔mekile emkobeni.
Phonononga Eyesibini ka‐Samyali 18:9-10