1
Eyesibini incwadi ka‐Paulusi ku‐Timote 4:7
Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard)
Ukulwa okulungileyo ndikulwile, uhambo lwam ndilugqibile, ukolo ndilugcinile.
Thelekisa
Phonononga Eyesibini incwadi ka‐Paulusi ku‐Timote 4:7
2
Eyesibini incwadi ka‐Paulusi ku‐Timote 4:2
shumayela ilizwi; nyameka ngexesha elifanelekileyo, nangexesha elingafanelekileyo; yohlwaya, tetisa, yala, ngako konke ukuzeka kade nokufundisa.
Phonononga Eyesibini incwadi ka‐Paulusi ku‐Timote 4:2
3
Eyesibini incwadi ka‐Paulusi ku‐Timote 4:3-4
Ngokuba ixesha liya kubako okuya bangayi kunyamezela ufundiso olunobomi; koko beya kuti ngokwezabo inkanuko bazifumbele abafundisi, bebaba indlebe nje; babeya kusonga indlebe zabo kuyo inyaniso ke, baze batyekele ngasezintsomini.
Phonononga Eyesibini incwadi ka‐Paulusi ku‐Timote 4:3-4
4
Eyesibini incwadi ka‐Paulusi ku‐Timote 4:5
Kodwa wena qabuka ezintweni zonke, nyamezela ubunzima, yenza umsebenzi womvangeli, kolisa ukufeza ubukonzi bako.
Phonononga Eyesibini incwadi ka‐Paulusi ku‐Timote 4:5
5
Eyesibini incwadi ka‐Paulusi ku‐Timote 4:8
Okuseleyo, kuyandibekelelwa isitsaba sobulungisa, eso INKOSI, umgwebi olungileyo, iya kusinika kum emhleni lowo; kungekum ke ndedwa, kukubo bonke abatandayo ukubonakala kwayo nabo.
Phonononga Eyesibini incwadi ka‐Paulusi ku‐Timote 4:8
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo